Ibanjiwe indoda ebithengisa ubudoda bomtu kwidolophu yaseGcuwa

Ivele phambi kwenkundla kaMantyi namhlanje indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32)ubudala nejongene nezityholo zokufumaneka enamaphambili omtu oyindoda.

Ngokwengxelo yenkozo yesipolisa eMpuma Koloni, kutyholwa ukuba umrhanelwa lo ubanjwe luluntu emva kokuba efunyenwe ngabahlali indawo phakathi kudederhu lweevenkile eGcuwa ngenjikalanga yangoLwesine umhla we(20 April 2023)

Kukholeleka ukuba ebekhangela umthengi welilungu kanye pha eGcuwa.

Uphando lokuqala ludize ukuba elilungu, lelendoda elixhego eminyaka engamashumi amathandathu anesibhozo (68) ubudala yeSithili saseOR Tambo, elisesibhedlele sithetha nje.

Umrhanelwa uzakufuduselwa eMthatha nalapho kulindeleke ukuba ajongene netyala lokuzama ukubulala.

Umkomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uncome abahlali ngokubamba umrhanelwa. “Sisenzo esicekisekayo nesikhohlakeleyo. Izenzo zomrhanelwa azinabuntu kwaye ubulungisa kufuneka buthathe indawo yabo, ”wongeze watsho uLt Gen Mene.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA