Ibanjiwe indoda eneminwe emide ngenxa yobisi.

Kubanjwe orhanelwa ngokuba neminwe emide emva kokubhaqwa namabisi abiweyo eCookhouse. Kulindeleke ukuba avele kwinkundla yamatyala yase Somerset East ngomvulo umhla wamashumi amabini ananye, umrhanelwa ufunyenwe neebokisi zamabisi abiweyo.

Lo mrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo ubudala ubanjwe eCookhouse emva kokufunyanwa namabisi abiweyo ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeThupha.

Ingxelo ithi bekushiyeke imizuzu emihlanu phambi kokubetha kwentsimbi yesibhozo kusasa, abakwantsasana asabele kwisikhalazo sokubelwa emotweni kwigaraji ekude kufuphi kuN10. Ekufikeni baye baxelelwa ukuba zibhokisi zamabisi ezilikhulu elineshumi elinesine (114) ezibiweyo kwisigadla ebesime kulegaraji ebusuku. Athathise ngoko nangoko ukuphanda malunga noku kwiingingqi ezikufutshane oonqawa ayiphuzwa, ngemizuzu elishumi elinesihlanu kuye kwabanjwa umrhanelwa neebhokisi ezingamashumi amane anesibhozo ubuninzi.
Umrhanelwa ukwesimnyama isisele sithetha nje.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA