18.9 C
King William's Town
Tuesday, March 25, 2025

Ibanjwe neziyobisi indoda e Cookhouse

Aphume iphulo lokuzibamba Zonke ikrelemnqa ezishishina ngokuthengisa iziyobisi Amapolisa kwaye Inzame zawo zineziphumo ezincomekayo

Ulandelelo olukhawulezileyo kulwazi olufunyenwe ngamalungu onogada benkonzo yesiPolisa e Cookhouse Highway, lukhokelele ekubanjweni komrhanelwa omnye kunye nokuthinjwa kweziyobisi ngoLwesibini, weshumi elinesithandathu kuCanzibe.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yethoba ngorhatya amalungu ayejikeleza kwindawo yaseCookhouse, xa ayesebenza ngolwazi malunga nendoda eyolanda iziyobisi eCradock, indawo eyaziwayo yokuhambisa iziyobisi. Iziyobisi zazisingise eSomerset East.

Amalungu ajikeleze u-R63 kunye no-N10 ekhangela umrhanelwa, kwaye wabonwa ehamba ukusuka kwicala lika-N10. Malunga neepilisi ezingama khulu amathathu (300) zeMandrax neesatshethi ezingamashumi amathathu (30) zeTik zafunyanwa kuye.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) waseSomerset East wabanjwa waze wavalelwa ngesityholo sokuba neziyobisi. Ixabiso eliqikelelweyo lamachiza ngama-R69 000.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala.

UKhomishinala weSithili saseSarah Baartman, uMaj Gen Zolani Xawuka uqhwabele izandla iinzame ezizingileyo zamalungu ekuqinisekiseni ukuba izitalato zabo ziyazisusa iziyobisi.

Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
moderate rain
18.9 ° C
18.9 °
18.9 °
97 %
2.2kmh
57 %
Tue
19 °
Wed
25 °
Thu
24 °
Fri
21 °
Sat
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks