Inkosikazi eneminyaka engama-33 ubudala kwilali yasePrudhoe kwisithili saseAmathole ivelile kwinkundla kamantyi ePeddie ngale ntsasa, ngomhla we-2/05 ngezityholo zokuba nempahla ekurhaneleka ukuba ibibiwe kuqhekezo ngoMgqibelo umhla wama-30/04. eFish River Resort.
UFuneka Xawuka ubanjwe emva kokuba amapolisa efumene ‘isilumkiso.
Kutyholwa ukuba ngoMgqibelo umhla we 28 ku Tshazimpuzi emini kuqhekezwe kwindawo ekuchithelwa kuyo iiholide eFish River apho igumbi ngalinye lendawo ekuchithelwa kuyo iiholide laqhekezwa kwaza kwabiwa izinto ezininzi eziquka izitovu, iifriji noomabonakude.
Kukwatyholwa ukuba iimoto ezineenqwelwana bezisetyenziselwa ukulayisha izinto kwindawo ekuchithelwa kuyo iiholide. Iiofisi nazo zaqhekezwa kwaza kwabiwa zonke iikhompyutha neeprojekti. Isithuthi, ibhasi encinci ye-Quantum yayikhutshiwe ngokupheleleyo kwindawo. Umonakalo owenziweyo kuquka nempahla ebiweyo uqikelelwa kwizigidi zeerandi.
.
Ezinye zezinto ezibiweyo zafunyanwa zifihlwe ematyholweni.
Inkampani elawula indawo ekuchithelwa kuyo iiholide sele ibeke unogada ukuba bagade indawo.
Ityala lokuqhekeza liphantsi kophando.
Kulindeleke ukuba avele enkundleni kwakhona ngomhla we 3 ku Canzibe 2023 ukuze afake isicelo sebheyile esisesikweni. Amapolisa alindele ukubamba abanye abantu.
Amapolisa abongoza uluntu ukuba luncedise ekukhangeleni abo babandakanyeka kubusela ukuze baxele ulwaphulo-mthetho olulolu hlobo emapoliseni. Lonke ulwazi olunikezelweyo luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa. Amapolisa abongoza abathengisi abakwisandla esidala kunye noluntu ukuba baqaphele kwaye bathathele ingqalelo xa nabani na esiza kubo ukuba bathengise nayiphi na into kwezi zikhankanywe ngasentla. Ukuthenga izinto ezibiweyo kulityala kwaye nabani na ofumana impahla ebiweyo angabekwa ityala kwaye agwetywe.
Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726
Nceda uqaphele ukuba umrhanelwa ngowakwilali yasePrudhoe hayi ilali yaseMpekweni njengoko bekuchaziwe ngaphambili.