18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Ibekwe ityala indoda etyholowa ngoqhuba inxilile emveno kokubhubha komntwana oneminyaka eyi-12 ubudala.

Ibekwe ityala lokuqhuba iphantsi kwempembelelo zotywala kwanokubulala ngokungenanjongo indoda. Oku kulandela ingozi emanyukunyezi eye yasuba ubomi benkwenkwana eneminyaka elishumi elinesibini (12) kwimpelaveki egqithileyo.

Amapolisa eMpuma Koloni athi le ngozi yenzeke ngentseni yomhla weshumi elinesibhozo (18) kuAgasti 2024, eWalmer, eGqeberha.

Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uthe kutyholwa ukuba malunga nemizuzu engamashumi amabini anesihlanu emeveni kwentsimbi yokuqala ekuseni (01:25 am) iimoto ezimbini – iKia Rio ebinomqhubi kuphela kunye neVW Caddy ebinowasetyhini kunye nonyana wakhe oneminyaka elishumi elinesibini (12) ubudala – bezihamba kwindlela engundoqo, eWalmer.

“Ezi zithuthi zimbini zingqubene phakathi kwe-10th kunye ne-11th Avenue,” utshilo uJanse Van Rensburg.

“Inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesibini (12) ubudala isweleke ekufikeni kwayo esibhedlele, kwaye umama wayo walaliswa esibhedlele ekwimeko emaxongo.”

Uthi umqhubi weKia naye usiwe esibhedlele enokonzakala, kwathathwa negazi lakhe.

“Wabanjwa ngezityholo zokubulala ngokungenanjongo kunye nokuqhuba enxilile.”

UJanse Van Rensburg uthe igama lomfi lizakupapashwa kwixesha elizayo esithi uphando lusaqhubeka.

Kwisithili saseChris Hani eMpuma Koloni kule mpelaveki, amapolisa athi njengenxalenye yephulo i-Operation Basadi abaqhubi beenqwelo-mafutha bakhutshwe ngezohlwayo zendlela ezingamashumi asibhozo nanye ezixabisa phantse ishumi elinesixhenxe lamakhulu asibhozo (R17,800) ngenxa yokwaphula umthetho ngeendlela ezahlukeneyo zendlela.

Lo vimba wendlela wenzeke kuN6 ngaseKomani.

Amapolisa athi amanyathelo ohlukeneyo agxile ekufumaneni izithuthi ezibiweyo, abarhanelwa abafunwayo, abaphambukeli ngokungekho mthethweni kunye nokuthengiswa kwabantu neziyobisi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks