19.2 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

UMphathiswa uSibulele Ngongo uthi zininzi ezinye iidolophu ezizakutshintshwa amagama kuquka iMonti.

By Siyakholwa Vuso 

UNgongo uthi urhulumente ucinga ngokuqhubeka ngokutshintsha amagama ezinye iidolophu eMpuma Kapa kuquka iMonti, Abardeen kunye neColchester, nezinye nezinye.

Ezinye zeedolophu ezi zakuthi zithsintshwe amagama ziquka iMonti, iAberdeen, kunye neColchester kwiphondo leMpuma Koloni zezinye zeedolophu ngokokutsho kukaSibulele Ngongo onguMphathiswa weZemidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni.

Ngokwengxelo yeBusiness Tech, uNgongo kwintetho yakhe yomgaqo-nkqubo uthe isebe lakhe liqhubela phambili notshintsho lwamagama kwiphondo leMpuma Koloni. Uqhube wathi urhulumente ucinga ngokuqhubeka ngokutshintsha amagama ezinye iidolophu eMpuma Kapa kuquka iMonti, Abardeen kunye neColchester, nezinye nezinye.

Iphondo leMpuma Koloni libone utshintsho lwamagama aliqela kule minyaka imbalwa idlulileyo, aquka ukutshintshwa kweBhayi itshintshelwe kwigama iGqeberha.

Okuqaphelekayo kukuba, ayiloxesha lokuqala urhulumente ecinga ngokutshintsha igama leMonti. Ngo-2020, urhulumente wasikhaba isicelo sokutshintsha igama leMonti kuba eli gama licetywayo liyangqubana nendawo esele ikho enegama elinye neli.

Sithetha nje, iBhunga laMagama eeNdawo loMzantsi Afrika (SAGNC) liphonononga izicelo zokuthiya ngokutsha iindawo ezingamashumi amathandathu anesithandathu (66) kwilizwe liphela. Ukusukela ekusekweni kwayo ngo-1998, iye yathiya ngokutsha iimpawu zejografi eziliwaka namakhulu amahlanu anesihlanu (1 505) kuMzantsi Afrika wonke. Ezi zaziquka iidolophu, iiposi, iintaba nemilambo.

I-SAGNC iqulathe iingcaphephe zamagama eendawo, iilwimi ezisemthethweni, nembali yenkcubeko, kunye nommeli omnye ovela kwiphondo ngalinye kunye nabameli abaphuma kwiCandelo loMlawuli oyiNtloko loPhando, iPosi yoMzantsi Afrika, kunye neBhodi yeeLwimi zonke zoMzantsi Afrika.

Izixeko ezininzi zaseMzantsi Afrika sele ziwatshintshile amagama kwiminyaka yakutshanje.

EMpuma Koloni kuphela, olu lulandelayo lolona tshintsho lwamagama lwamva nje:

  • I-Uitenhage ngoku yiKariega
  • ISomerset East ngoku kukwaNojoli
  • IFort Beaufort yatshintsha kwabaKwa-Maqoma
  • IBhayi yatshintsha yaba yiGqeberha
  • IQueenstown yaba yiKomani

Urhulumente ukwatshintshe amagama ezikhululo zeenqwelomoya ezimbini eMpuma Koloni. Isikhululo seenqwelomoya saseBhayi ngoku sitshintshwe yayiChief Dawid Stuurman International. Kanti isikhululo seenqwelomoya saseMonti ngoku sitshintshe sayiKing Phalo Airport.

Ukutshintsha igama lesixeko ngumzamo oneendleko ezinkulu – hayi kurhulumente kuphela kodwa nakubantu. Urhulumente kufuneka ahlawule ukutshintsha iimpawu zendlela, ezinokuquka iimpawu ezininzi kumakhulu eekhilomitha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
37 %
7.8kmh
72 %
Sun
19 °
Mon
13 °
Tue
22 °
Wed
21 °
Thu
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks