Uluntu lwaseSchauderville kumantla eGqeberha ludibene ngobusuku bangoLwesibini ngeenjongo zokunika imbeko kumntwana oselula owabulawayo uChadwin Witbooi.
UWitbooi udutyulwe kumgama nje weemitha ezimbalwa ukusuka kowabo ngoMvulo ophelileyo ngethuba esendleleni egodukayo evela kwiseshoni yokufundela iimviwo zebanga leshumi.
Lo mntwana ukwishumi elivisayo wasweleka ngenxa yokwenzakala kwakhe kwindlela eya esibhedlele.
Amakhulu-khulu abantu, kuquka abafundi beSikolo samaBanga aPhakamileyo i-Paterson, abadlali bebhola ekhatywayo basekuhlaleni, amalungu oluntu abancinci nabadala, bahlanganisene kwikhaya lakhe elikwiSitalato iJameson ukusuka apho baye bamatsha ukuya kwiholo i-S.M. Arends ngelifunela uChadwin ubulungisa.
Kwisithuba esingaphezu kweveki edutyulwe, akukabikho mntu ubanjiweyo.
Usodolophu weNelson Mandela Bay uGary van Niekerk uzibandakanye nomngcelele ekwacela uluntu ukuba lungamkhuseli umdubuli.
“Ndiqinisekile ukuba umbulali uyaziwa eluntwini, kungoko ndiyanibongoza nonke ukuba ubani akhuphe igama lombulali ngokusekhusini,” utshilo.
Ngeli xesha, umoya wosizi olukhulu wawutyhutyha iholo eyayizele imi ngeembambo xa abazali bakaChadwin nabantwana bakowabo babizwa ukuba baze kumkhanyisela ikhandlela, kusitsho isijwili sosapho, abahlobo, abantwana afunda nabo abaselula nootitshala ababezalise iholo.
Lo mfundi webanga leshumi oneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala uchazwe “njengomntu oyonwabileyo osoloko ebeka uncumo ebusweni babantu.”
Umntwana afunda naye nowayengumhlobo wakhe wafikelwa ziinyembezi zosizi nentsini njengoko wayethetha ngomhlobo wakhe.
“UChadwin ebengayithanda yonke le ngqalelo,” utshilo uKeegan Fleur.
“Kodwa ngaphandle kokwenza iziqhulo, uChadwin ukwakhuthaze uninzi lwethu ukuba luzibonele iimviwo zebanga leshumi kwaye senze into ebomini bethu.”
Umama womntwana uCecilia, uthe uyakuhlala ezingca ngohlobo lomntu ebelulo unyana wakhe.
“Ubukho benu apha namhlanje bubonisa nje ifuthe analo kubomi babantu.” utshilo
“Wayeyinkwenkwe yokwenene ethanda umama wayo. Ndiyathemba ukuba nathi, siyakukwamkela kwaye siqonde ukuba kutheni kufuneka kube nguye.” uvale ngelitshoyo

