ICandelo loShishino eMandela Bay lithi kufuneka kufuneka kuqwalaselwe ukungasebenzi kakuhle kwamazibuko

ICandelo loShishino eMandela Bay lithi linkqubo entsha yokubhukisha eyaqaliswa kwiZibuko laseBhayi ngo-Okthobha ibangele ukusilela okukhulu kwiimveliso zeenqanawa ukuya nokubuya kwiimarike.

Ingqonyela yelicandeo, uDenise van Huyssteen uthi inkqubo entsha, nejongiswe ekuphuculeni ukusebenza kwamazibuko, ibe nefuthe elichaseneyo, libe nefuthe ekusebenzeni kwabathumeli bangaphandle kunye nabarhwebi abangakwaziyo ukuthutha iimveliso zabo kwangethuba.

“Inani lamashishini libonise ukuba abathengi bawo kwiimarike eziphambili bacinga ngokurhoxisa iiodolo zabo zokuthumela ngaphandle ukuba olu libaziseko luyaqhubeka,” utshilo.

UVan Huysteen uthi njengenxalenye yeenzame zokuthomalalisa ukugcina ishishini lokuthumela ngaphandle, amanye amashishini kulomasipala umbaxa ade athuthe iimpahla zawo ngendlela eya eWalvis Bay naseMaputo.

Uthi iChamber yathetha noTransnet ekuqaleni kukaSeptemba, ebabongoza ukuba bangaqhubeki nokuqaliswa kwenkqubo entsha yokubhukisha de kube lelo xesha imiba enxulumene nokuphunyezwa kwayo kumazibuko aseThekwini naseKapa ibe isonjululwe.

“Isindululo sethu sesokuba iTransnet ime kancinane ukuqaliswa kwenkqubo entsha yokubhukisha eNgqura ekupheleni kwale nyanga, kude kube lixesha lokuba kusonjululwe imiba enxulumene nokuqaliswa eGqeberha. Akukho ngqiqweni ukuyiyenza mandundu ngakumbi ingxaki ngaphandle kokulungisa eyona miba.” utshilo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA