Izidubedube kukhenketho lwaseMonti lwendebe yeSpringboks zisube ubomi bomfundi oneminyaka engamashumi amabini weYunivesithi yaseFort Hare.
UMinentle Noqhamka kutyholwa ukuba wagilwa sisithuthi samapolisa ngethuba kubhiyozelwa kumasipala ombaxa waseBuffalo City ekuqaleni kwale nyanga.
Ngokwengxelo ephuma kwi-ofisi yenkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane, ubhubhe ngoLwesibini.
Ngokwengxelo, ungeniswe kwisibhedlele saseFrere eMonti, ngenxa yokwenzakala emlenzeni kodwa emva koko kwanyanzeleka ukuba anqunyulwe.
UMabuyane ngoLwesithathu uvakalise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zakhe.
“Sinqwenelela usapho iimvakalelo zentuthuzelo, amaxesha oxolo, neenkumbulo zovuyo ngeli xesha linzima,” utshilo.
Umongameli woMbhoxo woMzantsi Afrika, uMark Alexander uthi imanyano yabasebenzi ilusizi kakhulu ngale ngozi
“Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zakwaNoqhamka emva kokuba ubomi bexhoba buthe baqutyulwa yile ngozi imbi kangaka, umbhiyozo wendebe ibikukwabelana ngovuyo lwempumelelo noloyiso kodwa kuphele ngosizi kolu sapho. Sabelana ngentlungu yosapho,” utshilo.

