IBhodi yotywala kwiphondo leMpuma Koloni I-Eastern Cape Liquor Board (ECLB) ifumene ingcaciso koonozakuzaku abangabafundi malunga neposti ezijikeleza kumaqonga onxibelelwano ohlukeneyo emema abafundi baseBuffalo City ukuba baye kuzimasa itheko lokudlala eliza kuququzelelwa ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyoKwindla kwiB&B eMonti.
Kwipowusta abanokubakho bayacetyiswa ukuba beze nebhotile yewhiskey okanye igin njengemfuneko yokungena, kwaye oku kubonisa ngokucacileyo ukuba injongo ayikho enye into ngaphandle kokusela utywala.
Oku koyikisa kakhulu, kwaye abafundi bayabongozwa ukuba bazikhwebule kwesi senzo silizothe. I-ECLB iya kundwendwela i-B&B ekutyholwa ukuba iza kuba yi-B&B ngenjongo yokubalumkisa ngokuchasene neliqela licwangcisiweyo lepati.
Ukongeza koku, iECLB ixelelwe ngokuthembekileyo ukuba kukho amanye amaqela abafundi aceba ukuhlanganisana ngomhla wamashumi amathathu(30) eyoKwindla ka-2024 eMonti eBeach Front ngenjongo efanayo.
Ithe ingqonyela, uGqr Makala, bothuke kakhulu kukufunda ukuba kulandela iinzame ezingapheliyo zokufundisa abafundi ngobungozi bokusela utywala kunye nenkcubeko entsha yePens Down Party. Uqhubekele ngelithi, le ngxelo ibonisa ngokucacileyo ukuba abafundi bayityeshela ngokuphandle imiyalezo yokunqanda ubungozi botywala bakhethe ukuzintyintya ngotywala.
Nanjengoko abazali abaninzi bezakuzimasa inkonzo yeMpelaveki yePasika beshiya abantwana babo ngasemva emakhaya, kubongozwa ukuba benze amalungiselelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba amakhaya abo akhuselekile ekusenokwenzeka ukuba asingathe le mibhiyozo, kwaye kukho umntu omdala oza kubabeka esweni ekhaya.
Abazali noluntu bayabongozwa ukuba bahlale bephaphile ngeli xesha kwaye bazi ukuba baphi abantwana babo kwaye apho la maqela arhaneleka khona, kufuneka axelwe kwisikhululo samapolisa esikufutshane okanye i-ECLB ngokutsalela umnxeba ongaMahlaseli 080 000 0420 okanye uthumele umyalezo kaWhatsApp ku-076 403 6223.