Kufuniswa ngosapho lwendoda echolwe ngamapolisa idutyulwe eUgie

Ugie
Abacuphi base-Ugie bafuna ngokukhawuleza uncedo loluntu ekufumaneni usapho kunye nokuchongwa komzimba womtu ongaziwayo.
Ngomhla we18 January 2022 malunga necala emva kwentsimbi yesihlanu(17:30) indoda, emnyama ngebala nentsonkothileyo ngokwesithomo eqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu +-35 ubudala yafunyanwa inamanxeba okudutyulwa phakathi kwe-Ugie neElliot kwindlela uR56.
Kuvakala ukuba ekufikeni kwamapolisa le ndoda yayisele ibuthathaka kakhulu kodwa yakwazi ukukhankanya nje ukuba isuka eMount Fletcher. Lendoda yathathwa ngenqwelo yezigulana yasiwa kwisibhedlele saseMaclear apho ithe yasweleka ukufika kwayo.
Ngelo xesha wayenxibe track bottom ye navy kunye ne T- Shirt emhlophe enemigca emnyama. Umzimba wasiwa kwindawo yokugcina izidumbu karhulumente eMount Fletcher. Ukuba nabani na unokuncedisa iSAPS ngolwazi kufuneka ancede aqhagamshelane negosa eliphandayo uSgt Sodinga kule nombolo 073 367 21 52 okanye 084 278 21 66 kunye nenombolo yeofisi 045-933 11 93.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA