Ibingundlelantle kwiCOPPER QUEENS kwindebe yehlabathi yamanina ebhola ekhatywayo.

 

IBINGUNDLELANTLE KWICOPPER QUEENS KWINDEBE YEHLABATHI YAMANINA EBHOLA EKHATYWAYO

Bebentywizisa izizijwili abadlali beCopper Queens zaseZambia emva kokuba kucace mhlaphe okwekati ehlungwini ukuba baphumile kwindebe yehlabathi, eliqela belilila bezizijwili abadlali kuba besazi mhlaphe ukuba bayazikhulula impahla zokudlala ngoku.

Yonke lento yenzeke emva kokubhulelwa amasango liqela saseSpain ngamanqaku amahlanu(5-0) eqandeni ngalentsasa yazolo. iZambia yabethwa kumdlalo wokuqala ngalamanqaku mahlanu kwiqanda bebhaxabulwa liqela laseJapan. Nangona sele bezazi ukuba akukho kwanto abanakho ukuyenza ukujika izinto bengenakukwazi nokujika amatye abezizonka kuzakunyanzeleka bawudlale umdlalo wokugqibela nalapho bezakuqubisana neCosta Rica kugroup c, kulegroup kulindeleke ukubona ompondo zihlanjiwe iJapan kwakunye neSpain nezingekabethwa kuletumente zizakuvana amandla ngomvulo nalapho sizakubona ukuba ngobani iinkonzisizakube sisithi qhude manikiniki zindala zombini.

Kulegroup kaC iCosta Rica ifana nqwa neZambia azikafumani manqaku kuletumente zombini zibethwe ngalamaqela aphezulu iSpain neJapan nezizakube zivana amandla nazo kumdlalo olandelayo nengeyokugqibela kulegroup.

Ukanti eminye imidlalo edlaliweyo namhlanje ngumdlalo ubuphakathi kweCanada neIreland nalapho iCanada iphumelele ngamanqaku amabini kwelinye iJapan ibethe iCosta Rica ngamanqaku amabini eqandeni ngethuba iSpain sibetha iZambia ngamahlanu eqandeni

Imidlalo yangomso yendebe yehlabathi yebhola ekhatywayo yabasetyhini iUnited States iqubisana neNeteherland ngentsimbi yesithathu ekuseni ngokwexesha lalapha eMzantsi Afrika, ukanti iqela iPortugal izakube ivana amandla neqela leVietnam ngecala emva kwentsimbi yethoba kusasa kuze kuqubisane abahlinzeki iAustralia neqela laseAfrika iNigaria ngentsimbi yeshumi elinesibini emini emaqanda.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15 ° C
15 °
15 °
86 %
4.4kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA