By Siphiwo Boqwana.
IWuphumelele umdlalo wayo kwi-English Premiership League phezolo i-Manchester United nangona ibisele iqhwalela ngethuba idlala ngabadlali abalishumi (10) ebaleni kodwa ikwazile ukubuya ngethuba ifaka inqaku lempumelelo kwisiqingatha sesibini (2) somdlalo, ukhumbule ukuba ilpswich yiyo eyophise kuqala ngethuba ifaka inqaku lokuhamba phambili kumdlalo ubudlalelwa e-Old Trafford phezolo ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMdumba 2025.
Ibuyile kwisiqingatha sesibini (2) yafaka inqaku i-Manchester United yatsho yaphumelela ngamanqaku amathathu kwamabini (3-2).
Ububalulekile lo mdlalo ukuba United iwuphumelele nanjengoko bebekwindawo embi kakhulu kodwa ngoku babalekile ezantsi bashiye iIpswich kwindawo yeshumi elinesibhozo (18) yona iyokuhlala kwindawo yeshumi elinesithandathu (16) ibaleka.
Iyaqala ukuphumelela umdlalo kulenyanga iManchester United, kananjalo igqibele kudala ukuphumelela e-Old Trafford. Ibingathi ayililo elaqela lebhola ekhatywayo nelabethwa yiMan U eli liyiIpswich, eli qela labethwa yiManchester United ngamanqaku alithoba kwiqanda (9-0) kwiminyaka engamashumi amathathu eyadlulayo.
Emva kwemizuzu nje engamashumi amabini anesithandathu (26) nangona ikhokele kuqala ngenqaku elinye kwiqanda (1-0) iIpswich kwisiqingatha sokuqala somdlalo, kuye kwagwazwa ekhaya ngumdlali wabo.
Emva koxinezelelo umdlali oyinkokheli kweliqela leIpswich uSam Moirsy uye wafaka inqaku kumnatha wabo nto leyo enike ithemba kwiqela lika-Ruben Amorim ongumqeqeshi we-United, atsho alingana la maqela ngelinye macala (1-1) kodwa khange kube kudala kwakwisiqingatha sokuqala somdlalo uMathijs de Ligt ufake inqaku lokuhamba phambili ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) kubahlinzeki.
Kuthe kusenjalo iiRed Devels zayibeleka ikrwempa ngethuba umdlali wabo wangasemva uPatrick Dorgu efumana ikhadi elibomvu kwimizuzu emibini (2) phambi kokuba kuyiwe ekhefini. NguHarry Maguire ofake inqaku lempumelelo ngentloko kwisiqingatha sesibini (2) somdlalo.
By Siphiwo Boqwana

