Izolo ilizwe loMzantsi Afrika belibhiyozela iminyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) ukusukela oko kwabakho ulawulo lwentando yesininzi nenkululeko kweli.
URhulumente wePhondo leMpuma Koloni izolo ukhethe idolophu encinci yaseUgie, kwisithili saseJoe Gqabi, apho ebebembele khona umsitho wokuqwalasela olu suku lubalulekileyo. Olu suku lubhiyozelwe phantsi komxholo othi: Ukuhlanganisa iiNgeniso zethu zeDemokhrasi.
Nanjengoko eli phondo likhethe kulo nyaka ukubhiyozela ubomi bukaMfundisi uJohn Knox Bokwe, bekufanelekile ukuba i-Ugie yonyulwe njengedolophu yokubhiyozela uSuku lweNkululeko kuba kulapho uMfundisi uBokwe wakha khona izikolo kunye neecawe zabantu beentlanga ngeentlanga kulo mmandla, ngethuba ebekwa njengomfundisi weUniting Presbyterian Church of South Africa.
Kule nyanga iphelileyo uRhulumente wePhondo uqale inyanga yamalungelo oluntu ngokubhiyozela ubomi namaxesha eliQhawe laseDikeni (eAlice), apho uMfundisi uBokwe ebesebenza kwikomiti ebicwangcisa nelungiselela ukusekwa kweYunivesithi yaseFort Hare, apho uMfundisi uBokwe ebesebenza khona ze yaqala ngonyaka ka(1916)
UMphathiswa wezeMfundo, uMnumzana Fundile Gade, obemele iNkulumbuso uLubabalo Oscar Mabuyane, ubethelele imfuneko yokuba iinkokeli zanamhlanje ziphonononge ukuze zijonge ukuba zinegalelo kusini na kwimpumelelo yenkululeko yethu nedemokhrasi, ezalwelwa ngamagorha ethu adumileyo, okanye ukuba ngaba zinegalelo kusini na kwimpumelelo yenkululeko yethu nedemokhrasi.
Ukanti lomsitho ubuphethwe nguMphathiswa kweZemidlalo, ubugcisa neNkcubeko uFezeka Nkomonye kwaye kunikezelwa nezipho zokuphuhlisa kuluntu lwaseUgie ingakumbi abo babamashishini asakhulayo.