IBIYINKUNGU NELANGA ESOJONISI
ISINGQISETHU CULTURAL FESTIVAL 2022
Impelaveki ye-SingqiSethu Kumhlaba wese PSJ Sports Ground ( Ports St Johns) uqale ngomhla we- 09 December 2022 – 10 December 2022.
Ibingumbo nomxesibe kwidolophu yasesaJonisi, apho uluntu luphimile lozokuxhasa Isingqisethu somnnyhadala womculo, umdaniso, imbongi zosiba, umthungo wempahla zalemihla.
Zintsuku ezimbini apho amanxila esiqgisethu omculo athe onwatyiswa zimvumi ezisakhulayo zeli lempumakoloni kwizithili nezixeko ezahlukeneyo. Osaziwayo ebebesohlulelana nge qonga nemvumi ezisakhulayo singabalula , Inkunzi emdaka, Ikhona, Big Zulu kwakuny neHashelimhlophe ekhatsha lihashelimhlophe movement.
Ibiyimincili nochulumanco kubemi belilempumakoloni aphokhona bethe babona italente esinayo apha ephondweni nenyhweba yokubona osaziwayo abakhulu beli lomzantsi Africa.
Sibabonile abemi beli lempumakoloni osomashishini abasakhulayo bebonisangomsebenzi wabo wezandla.
Kwangaxeshanye safuma ithuba lokuba sityelele umzi wakwa Nngcambu Tour’s apho sidibene Mr Sonwabo Khangela esibonisa indawo ezaziwayo zasesaJonisi eziquka ( Khayaking bulolo river, The Gap and umzimvubu river, Isinuka ). Siyesasiwa nakweHome stay ebizwa Ncumisa Home Stay efumaneka kwilali yakunoQhekwane esaJonisi.
Ukanti okonwabisayo kukubona okuhle okwenziwa Yimvumi kamaskanda uHashelimhlophe othe waphuma uphulo lokuphuhlisa imvumi zelilempumakoloni ezilithoba kumculo kamasikhanda.
Simbonile no Hon MEC Nonceba Kontsiwe enikeza umyalezo wosuku, ekwakhuthaza abazali ukubamabakhuthaze abantwana babo kwezobungcisa nencubeko kodwa ngaphezukwento yonke abazali mabathande abantwana babo bangaziboni bebangamaxhoba kwiziyobisi.
Isingqisethu 2022 siyazingca ngaso