Yindoda eneminyaka engamashumi amathandathu anesibini(62) ubudala, nethe yavalelwa ngamapolisa emva kokudlwengula umtwana oneminyaka imihlanu(5)ubudala eNgqushwa kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.
Esisihelegu senzeke kwilali yaseDurban nephantsi kwedolophana yaseNgqushwa eMpuma Koloni. Ukanti abahlali be ephume ngendlu bejolise imibombo eNkundleni yamatyala apho bebesitsho ngazwilinye ukuba lendoda ingayinikwa ibheyile. Amanina aseNgqushwa ekhatshwa ngamatshantliziyo elwela amalungelo abantu kuquka nabo beBack2Basics Foundation be ekhona ukuxhasa usapho lomtwana odlwengulweyo.
Ngethuba sinonxibelelwano nomnye wabaphathi beBack2Basics uSiyasanga nozinze eNtshona Koloni ukhuphe ingxelo edamile sisenzo sendoda endala exhaphaza umtwana omncinci kwanokunosha ikamva lakhe. Ithi bengumbutho ongenanto yakhwenza noRhulumente bazakuqinisekisa ukuba balijonga ngeliso elibikhali elityala kwaye nengalo yomthetho idlale indima yayo.
OweMtapo Centre uAthini Ngxumza nosikrwecileyo uthi, ichiza lokulwa isikizi lokudlwengulwa kwabantwana luManyano nobambiswano kumtu wonke.