26.4 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

Iphulo elihle lokuphucula uluntu kwanokubakhuthaza ngokuvota

#Back2Basics Foundation

Umbutho ongenanto yakwenza noRhulumente ogama liBack2Basics Foundation, usaqhuba ngephulo lokuxhobisa, befundisa uluntu ngeendlela ezahlukileyo zokuzimela ebomini kwanokunokuqinisekisa ukuba akukho malungelo anhyashwayo oluntu.

Kwiveki ephelileyo eliqela belikwidolophu yaseNgqushwa apho bebesebenza namavolontiya aliqela, ukungena umzi nomzi bexhobisa uluntu ngobomi ingakumbi ukubalileka kokuvota. Kalok ngamanye amaxesha abantu emaphandleni baye bangawahoyi okanye bazifundise ukusebenzisa amazwi abo ngokulungileyo xa kuvotwa koko bakhethe ukungavoti ntoleyo eyingozi kwikamva loluntu.

Eliqela nelisuka eNtshona Koloni lihambe lingena kwiilali ezithile phantsi kwedolophu yaseNgqushwa kwakho bexhobisa nangokuxhatshazwa kwabantu ngokwesini(GBV) nendlela zokuzikhusela xa uhlaselo lisenzeka.

Ngethuba sincokola nabahlali kwenye yeelokishi zaledolophu, ebengawuvali umlomo kukubulela ngomsebenzi owenziwa yiBack2Basics Foundation ingakumbi kulutsha. Kaloku uBack2Basics Foundation iye yamema nowayesakuba yiNkokheli yolutsha kumbutho weEastern Cape Youth Chamber of Business uLisa Zono ukuba athethe nolutsha lwaseNgqushwa ngamadla okuba yiNkokheli kuquka nemiceli-mngeni.


https://www.facebook.com/Back2Basics-Foundation-113374017675830/

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
26.4 ° C
26.4 °
26.4 °
23 %
5.5kmh
66 %
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
12 °
Wed
23 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks