Kusweleke abantu ababini kwingozi eyenzeke ngaphandle nje kwase Port Alfred

Kubhubhe abantu ababini ngelixa abathathu bonzakele ngokumasikizi kwingozi yemoto kuhola wendlela uR72 ngaphandle kwasePort Alfred

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi le ngozi yenzeke phezolo. Isithethi sesebe, u-Unathi Binqose, uthe imoto yohlobo lweVW Polo ebinabantu abane kunye neFord sedan zingqubene okweenkunzi zegusha malunga neekhilomitha ezintlanu ukusuka edolophini ukuya kwicala lase-Alexandria.

Uthi indoda nenkosikazi ebebekwimoto enye babhubhele kwindawo yexhwayelo logama amadoda amabini awonzakeleyo abalekiselwe esibhedlele.

UBinqose uthi umqhubi wemoto yesibini ekuthiwe ukwisithuba seminyaka engamashumi asixhenxe, wonzakele kakhulu waze walaliswa esibhedlele.

Amagama ababhubhileyo akakaveli kwaye amapolisa asePort Alfred avule idokethi lokubulala ngokungenanjongo ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
15 ° C
15 °
15 °
74 %
3.9kmh
9 %
Mon
14 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
34 °
Fri
32 °

EZITHANDWAYO INDABA