15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Kusweleke abantu ababini kwingozi eyenzeke ngaphandle nje kwase Port Alfred

Kubhubhe abantu ababini ngelixa abathathu bonzakele ngokumasikizi kwingozi yemoto kuhola wendlela uR72 ngaphandle kwasePort Alfred

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi le ngozi yenzeke phezolo. Isithethi sesebe, u-Unathi Binqose, uthe imoto yohlobo lweVW Polo ebinabantu abane kunye neFord sedan zingqubene okweenkunzi zegusha malunga neekhilomitha ezintlanu ukusuka edolophini ukuya kwicala lase-Alexandria.

Uthi indoda nenkosikazi ebebekwimoto enye babhubhele kwindawo yexhwayelo logama amadoda amabini awonzakeleyo abalekiselwe esibhedlele.

UBinqose uthi umqhubi wemoto yesibini ekuthiwe ukwisithuba seminyaka engamashumi asixhenxe, wonzakele kakhulu waze walaliswa esibhedlele.

Amagama ababhubhileyo akakaveli kwaye amapolisa asePort Alfred avule idokethi lokubulala ngokungenanjongo ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks