Ukhala esimantshiyane UJunior Khanye emva kokungaqukwa kumagqala.
Owayesakuba ngumdlali we-Kaizer Chiefs uJunior Khanye akafakwanga kwiqela labadlali beKaizer Chiefs abangamagqala nabangasadlaliyo, eliqela lizakudlala neqela leBloemfontein Celtics kwindebe esanda kusungulwa yakwaToyota.
Uthi uKhanye akaphoxekanga kwaye engadananga kukungabikho kwiqela leChiefs. Lomdlalo wa-Amakhosi neSiwelele uzakubanjelwa eBloemfontein ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kule yeKhala inyanga.
Lomdlalo wamagqala weChiefs neCeltics uzakube ugabula izigcawu kumdlalo ophambili nozakuba phakathi kweKaizer Chiefs neYoung Africans yaseTanzania. Lemidlalo izakudlalelwa kumabala aseFreystata yomibini (2) ngemini enye.
Abadlali ebesakudlala nabo uJunior abafakwe kweliqela, singabalula uJabu Mahlangu, uCyril Nzama, uStanton Frederick’s, uDavid Radebe noCollins Mbesuma nabanye.
UJunior Khanye waziwa kakhulu ngokugxeka phantsi phezulu iKaizer Chiefs lonke ixesha alifumanayo. UKhanye unenkqubo emanyelwa kakhulu eyogqitha ezinye, lenkqubo yeyebhola ekhatywayo kulapho alidlakaza nyhani iqela awayesa kulidlalela iChiefs njengomhlalutyi kulenkqubo. Ukhe wafumana izigxeko kusithwa ufuna ukunyuka ngeKaizer Chiefs, kunjalo nje uyenza ileli yakhe.
UJunior Khanye ngethuba ekudliwano ndlebe nephephandaba iSunday World uvakalise ukuba akananto ngaku-Amakhosi, eliqela uthi lamnika ithuba lokudlala ibhola wanekhaya lesibini (2).
UJunior uthi iChiefs inezizathu zayo zokungamfaki kweliqela, uthi yena uyakuhlala elibulela eliqela kodwa yena uxakekile.
UKhanye ukwavakalise ukuba yena uxakeke ngamashishini akhe, ezinye zezinto azenzayo axakeke zizo ngoku yinkqubo yakhe kamabonakude ekuDSTV ethi Junior Khanye: Fixing the Game neqale ukuboniswa ngoLwesine umhla weshumi elinanye (11) kule yeKhala inyanga ukutsho oko phezolo.
UJunior Khanye ukwavakalise ukuba, ukuba iChiefs ingambiza ayakudlala angalisabela elokhwelo nanini na kuba uyayithanda ibhola ibaleka egazini lakhe.
Nali iqela lamagqala eChiefs nelizakuqubisana namagqala eCeltics, oonozinti nguBrian Baloi noTladi Mathibela. Kubadlali bangasemva nguCyril Nzama, uBevan Fransman, uMorgan Gould, uTsepho Masilela, uDerick Spencer noFabian McCarthy. Abadlala esiswini nguStanton Fredericks, uJabu Mahlangu, Willard Katsanda, uRenilwe Letsolonyane, uSiphiwe Tshabalala, uMandla Mahlango, uThuso Phala noJosta Dladla. Iifolosi nguCollins Mbesuma, uDavid Radebe noBenard Parker uze umqeqeshi ibe nguThabo Mooki.
By Siphiwo Boqwana

