Ibhubhile intwazana eminyaka mithathu(3) ubudala ngenxa yokubanjwa ngumbane.

Izolo elinye umhla we(16 March 2022) malunga nentsimbi yesine emva kwemini(15:50), intwazana eneminyaka emithathu(3) ubudala, egama linguKhazima Dweni, kunye nodade wabo bebedlala eyadini yabamelwane babo kwisitalato iMagxaki, Kwazakele.

Umtwana lo uminyaka mithathu(3) uye wachola ucingo lombane (unxibelelwano olungekho mthethweni phakathi kwabamelwane) olwaluphantsi kanti olucingo lunombane nothe wabamba umtwana. Ngelishwa elikhulu abezoncedo bafike umtwana sele ebhubhile nanjengoko nabo bethe baqinisekisa ngoko.

Usapho lomtwana luye lwaqhawula ucingo olo. Ukanti inkonzo yesipolisa ithi
“Kungovelwano ukuba amapolisa aye kwindawo yexhwayelo, kwaye i-SAPS inqwenela ukulumkisa abanini-zindlu/abaqeshi bezindlu ukuba bangaqhagamsheli ngokungekho mthethweni kwiigridi zobonelelo lombane kamasipala bebodwa. Esi senzo asiyongozi kuphela kubantu abaqhagamshelene nabo, kodwa nakubantu abamsulwa abafana nale ntombazana eneminyaka emithathu3 ubudala nethe yaswelekayo ngenxa yolu nxibelelwano lungekho mthethweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA