19.2 C
King William's Town
Tuesday, March 25, 2025

IDOLOPHU YASEMPUMA KOLONI ISALINDE UKUGQITYEZELWA KWERENKI YEZITHUTHI.

Le dolophu yaseNgqamakhwe, eGcuwa, yafumana inkxaso-mali elingana nezigidi ezisixhenxe namakhulu amathandathu amawaka (R7.6 million) yokwakha irenki entsha kraca ngonyaka ka-2021, kodwa ayikasetyenziswa kunanamhlanje.

Isithethi somasipala waseMnquma, uLoyiso Mpalantshane, uthe le renki yanikezelwa kwimibutho yoonoteksi, kodwa amapolisa nomthetho kamasipala baacebisa ukuba bangayivuli ngenxa yeemfazwe yoonoteksi.

Mithathu ke imibutho yeeteksi kulommandla, umbutho ngamnye uzinze kwiidolophu ezikufutshane: eNgqamakhwe, kuCentane kunye naseGcuwa.

UMpalantshane uthe uninzi lwezehlo zinxulumene nokulwa ngeendlela, kwaye phakathi konyaka ka-2021/2022 ngamashumi amabini abantu ababuleweyo kubundlobongela obunxulumene neziteksi.

“Singumasipala siyafuna ngenene isetyenziswe le renki. Bendiphaya kwiveki ephelileyo (18 – 25 kweyoNkwindla 2024), ingca iqala ukukhula ngoku,” utshilo. Kodwa imiba yeziteksi isaqhuba.

“Ufumanisa ukuba abo bathutha abantu besuka eGcuwa besiya eNgqamakhwe ngoku abavumelekanga ukuba babathuthe baphindele eGcuwa; kuvumelekile itaxi yaseNgqamakhwe kuphela. Kuyafana nendlela ephakathi kuCentane neGcuwa,” utshilo.

Usihlalo wombutho woonoteksi eNgqamakhwe, uPhumzile Jwathi, ungqinile ukuba bazifumana izitshixo zale renki kumasipala, kodwa uthi oko babelinde ukusukela ngonyaka ka-2021 ukuba umasipala afakele izibane nomzila wesango lokutyibilika, aphinde alungise amacango.

Lo kaJwathi uthe bamxelela umasipala ukuba le renki bazakuyisebenzisa xa zonke izinto ezifuna ukulungiswa zilungisiwe. Kwaye ukusukela ngoko bathunyelwa ngapha nangapha.

Uthe inkulu imfuneko yalerenki ngenxa yokuba zininzi iilali ezincinci ezingqonge iNgqamakhwe, kodwa imibutho yoonoteksi ayizukuyamkela le renki ngethuba ingekagqitywa.

Sithetha nje uninzi lweeteksi zisebenzisa irenki encinci kuhola wendlela, nto leyo edala uxinano ommandla wezithuthi, ingakumbi ngeentsuku apho kuhlawulwa izibonelelo zoluntu.

Uceba wakwaWadi 18 kulomasipala, uLunga Dyantyi (ANC) uthe umasipala unolwazi ngomzila wesango kwaye uzakuwulungisa.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
87 %
2.7kmh
92 %
Tue
19 °
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
20 °
Sat
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks