Umasipala ombaxa waseBuffalo City kunye neqela loKhuseleko bathathe inxaxheba ngokunyanzelisa iMithetho kaMasipala weBuffalo City kwiindawo eziyingqongileyo. Iphulo liqale eAmalinda kwaye ladlulela eScenery Park
Emva kwephulo elibe yimpumelelo lokunyanzeliswa kweMithetho kaMasipala kwiivenkile zasekuhlaleni namhlanje, uMasipala oMbaxa waseBuffalo City kunye neqela loKhuseleko bazo kwenza umsebenzi ofanayo eMdantsane ngomso wokujonga invenkile zasekuhlaleni.
Zintathu zizonke ivenkile ezivaliweyo ngenxa yokungathotyelwa kwemithetho, apho ezimbini zise Amalinda nenye eScenery Park, zonke zifunyenwe zisebenza ngaphandle kweziqinisekiso ezifunekayo zokwamkeleka nokurhweba.
Zizonke iimpahla ezithinjwe eScenery Park zifikelele kwi-R9400 kunye ne-R1130 e-Amalinda.
Iimpahla ezithinjiweyo zifunyenwe zinolwaphulo-mthetho oluninzi, kubandakanywa ukungabikho kwemnvume, ukuhlaselwa ziimpuku, ixesha leshelufu eliphelelwe lixesha, iimveliso zobisi ezingatyalwanga, izitshabalalisi ezingekho mthethweni kunye nezikhongozeli ezinamazinyo.
Lo msebenzi uza kuqhubeka ngoLwesihlanu umhla wesi-6 kweyoMsintsi 2024 eMdantsane, kwaWadi 12 nu1 nakwawadi 20 nu17 ukuze kunyanzeliswe iMithetho kaMasipala nokucocwa kweendawo zokulahla inkunkuma ezingekho mthethweni.