17.5 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Igazi lomtu liyathetha nokuba ungambulala, umfihle apho akhoyo kodwa lona igazi liyathetha.

Uzakulazi ngomhla wesixhenxe(7) kwinyanga kaSeptember ikamva lakhe, indoda negama linguYibanathi MacGyver notyholwa mgokubulala umfazi wakhe ngonyaka ka2019.

Lendoda neyabanjwayo ngamapolisa emva kokubulala ze emva koko ingcwabe umkayo kwigumbi langasese endlini phantsi kwebhafu yokuhlamba. Namhlanje lendoda ivele kancinci kwinkundla ephakamileyo yaseMtata malunga nelityala.

Lowasetyhini nogama linguNoluvuyo Nonkwelo Ndema, wabikwa emapoliseni njengomtu olahlekileyo kwaye nendoda yakhe ikuluhlu lwabo balahlekelweyo de wancedisa nabahlali ngethuba kukhangelwa umfi kanti uyadungudisa. Usapho lakuloNoluvuyo, lwadiza ukuba uYibanathi nangona wayelahlekelwe ngumfazi wayehamba ngonyawo lonwabo kwiinzame zokuba umfazi wakhe efunyanwe ngoleyo eyayisothusa.

Ekuhambeni kwexesha inyani yavela, kucaca mhlophe ukuba umfikazi ubulelwe yilendoda neyathi yamngcwabela endlini kwilali yaseZingqayi phantsi kwedolophu yaseDutywa. Okumamgalisayo kukuba lebhafu ibisetyenziswa ngokungathi ayilongcwaba, ingakumbi ke isibindi sombulali. UNoluvuyo ubhubha eshiya ngasemva abantwana ababini abangamanyombazana ngenxa woyise obulele unina.

Ngomhla we 7 Septemba, ikundla izakuyigweba lendoda.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
54 %
5.6kmh
73 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks