15.7 C
King William's Town
Monday, December 4, 2023

Igazi lomtu liyathetha nokuba ungambulala, umfihle apho akhoyo kodwa lona igazi liyathetha.

Uzakulazi ngomhla wesixhenxe(7) kwinyanga kaSeptember ikamva lakhe, indoda negama linguYibanathi MacGyver notyholwa mgokubulala umfazi wakhe ngonyaka ka2019.

Lendoda neyabanjwayo ngamapolisa emva kokubulala ze emva koko ingcwabe umkayo kwigumbi langasese endlini phantsi kwebhafu yokuhlamba. Namhlanje lendoda ivele kancinci kwinkundla ephakamileyo yaseMtata malunga nelityala.

Lowasetyhini nogama linguNoluvuyo Nonkwelo Ndema, wabikwa emapoliseni njengomtu olahlekileyo kwaye nendoda yakhe ikuluhlu lwabo balahlekelweyo de wancedisa nabahlali ngethuba kukhangelwa umfi kanti uyadungudisa. Usapho lakuloNoluvuyo, lwadiza ukuba uYibanathi nangona wayelahlekelwe ngumfazi wayehamba ngonyawo lonwabo kwiinzame zokuba umfazi wakhe efunyanwe ngoleyo eyayisothusa.

Ekuhambeni kwexesha inyani yavela, kucaca mhlophe ukuba umfikazi ubulelwe yilendoda neyathi yamngcwabela endlini kwilali yaseZingqayi phantsi kwedolophu yaseDutywa. Okumamgalisayo kukuba lebhafu ibisetyenziswa ngokungathi ayilongcwaba, ingakumbi ke isibindi sombulali. UNoluvuyo ubhubha eshiya ngasemva abantwana ababini abangamanyombazana ngenxa woyise obulele unina.

Ngomhla we 7 Septemba, ikundla izakuyigweba lendoda.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.7 ° C
15.7 °
15.7 °
83 %
2.1kmh
86 %
Mon
14 °
Tue
23 °
Wed
16 °
Thu
31 °
Fri
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks