Kudutyulwe kwasweleka iGosa lezendlela kwindawo yaseDwesi eGqeberha namhlanje.
Ngokwengxelo yenkonzo yesiPolisa, kukholeleka ukuba ibingamaGosa ezendlela amathathu(3), abasetyhini ababini(2) nendoda enye(1) ngethuba kufika amadoda amane(4) nangqale kwisibini samagosa abesenza umsebenzi wawo kude kufuphi nendlela leyo bebesebenza kuyo. Kuvakala ukuba abanqevu boxuthe imipu kulamagosa kanti elinye elisemotweni igosa(owasetyhini) loyakubona okwenzekayo.
Lithe lakuqaphela okwenzekayo kogxa bakhe lazama ukuphendula kanti oonqevu sele bembonile ze bavulela iimbumbulu kowase Tyhini wanabela uqaqaqa ngoko-nangoko. Baye ke balandela ukuthatha umkhono weKati wakhe.
Aba barhanelwa baye bagcwala amathafa ngoko nangoko.
UMphathiswa wezothutho nokhuseleko loluntu kwi Phondo le Mpuma Koloni uMnumzana uXolile Nqatha, uvakalise ukudandatheka ngesi sehlo nokusweleka kweli Gosa.
Esitsho esithi kuyaphazamisa ngeyona ndlela ukuhlaselwa kwama Gosa ka Rhulumente ese msebenzini kodwa okuphazamisa kakhulu kukuba kukho imikhono yeKati esese zandleni zezizi Krelemnqa sithetha nje.
UMphathiswa ekwahlaba ikhwelo kuluntu kwakunye namaPolisa ukuba basebenzisane ukubamba ezi ziKrelemnqa ngaphambi kokuba zenze esinye isiganeko esikumila kunje.
Ingxelo: Zintle Madikane

