20.2 C
King William's Town
Tuesday, April 16, 2024

Ngamadoda mabini(2) abuleweyo eMtata, kwaye akwaziwa ukuba ngawaphi okanye abulewe ngubani.

UMkomishinala weNkonzo yesiPolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uyalele amaPolisa ukuba aqalise ugqogqo lweeyure ezingamashumi asixhenxe enesibini(72 hours) ukukhangela abarhanelwa ababulele amadoda amabini, nekufunyenwe imizimba yabo idunduluzile kwindawo yase Bhotwe, phakathi kweSidwadwa View kunye ne Zimbane Valley eMthatha ngobusuku bayizolo elinye umhla we(19 September 2022)

Kutyholwa ngelithi amaPolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo zekwafikwa lemizimba yamadoda amabini angaziwayo idunduluzile kwaye inamanxeba. Omnye kubo ebenxibe umntla we(Tracksuit) omnyama ne bhulukhwe emnyama, owesibini ebenxibe ibhulukhwe emfutshane kuphela.

Abecuphi baseMthatha bacela noncedo kuluntu ekukhangeleni izizalwane zamaxhoba okanye abarhanelwa abulele la maxhoba, kucelwa atsalele umnxeba ku 071 475 2058 okanye ku 079 387 8267 okanye ku crime stop ku 08600 10111.

Owona nobangela ongqonge esi sehlo awukaziwa kodwa amaPolisa asaqhuba uphando.

 

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
87 %
3.9kmh
99 %
Tue
20 °
Wed
31 °
Thu
29 °
Fri
30 °
Sat
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks