INkundla yeNgingqi yase-Flagstaff igwebe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala izigwebo ezimbini zokudlwengula umzala wayo izihlandlo ezimbini, esinye xa sasineminyaka emihlanu ubuncinci kwaza kwalandela iminyaka emihlanu. Ligciniwe igama lale ndoda ukukhusela isazisi sexhoba.
Ixhoba kunye nomdlwenguli ogwetyiweyo bayazalana nanjengoko abazali babo bengabantwana bakowabo, kwaye bobabini bahlala kwimizi engummelwane kwiLokishi iNgubengcuka kwisithili saseFlagstaff.
Ngonyaka ka-2009, wathunyelwa ngumama wakhe ukuba aye kuboleka imela yasendle kwikhaya labo elikhulu. Ekufikeni kwakhe apho, wafumana umzala omdala ekunye nabanye abazala ababini. Umzala owajika waba ngumdlwenguli uyalele aba bantwana babini ukuba baye kufuna iinkomo nanjengoko wayencedisa ixhoba ekukhangeleni imela yasehlathini. Bathe besashiyeke bodwa kwelo gumbi, wavala ucango wayalela ixhoba ukuba likhulule, waligrogrisa ngemela, walidlwengula.
Emva koko, wambonisa imela yasehlathini, kodwa akazange ayithathe ngenxa yokwenzakala nentlungu awayekuyo.
NgoMatshi ka-2013, ixhoba laliphuma esikolweni kwaye njengoko lalisiya kwikhaya lalo ladibana nomzala lo usisidlwengu. Wamgrogrisa waza wamdlwengula ecaleni kwegadi yakowabo. Kwakukho amatyholo ecaleni kwegadi nto leyo eyenza kubenzima ukuba nabani na odlulayo abone udlwengulo nangona kwakusemini. Emva kodlwengulo lwesibini, ixhoba laphinda lava iintlungu zesisu kwaye ngenxa yoko, lalingakwazi ukuya kwindlu yangasese. Umalume wakhe onguyise womenzi wobubi wakuqaphela oku waza wayalela ukuba asiwe kugqirha owaqinisekisa ukuba udlwengulwe ngokwesondo.
Kungelo xesha apho ixhoba eliselula ladiza ukuba umzala walo nguye owalidlwengula izihlandlo ezibini, waza wabanjwa. Ebudeni bonyaka ka-2016, eli tyala laye larhoxiswa ngenxa yokuba ixhoba laphazamiseka ngokwasengqondweni kwaye lalingakwazi ukunika ubungqina. Lakuba liphilile ixhoba, ityala laphinda lamiswa laza ladluliselwa kwinkundla yengingqi.
Umtshutshisi obambeleyo kwinkundla yengingqi, uVukile Mdange, ukhokele ubungqina bexhoba kunye nomakazi walo wangenisa ingxelo kagqirha. Ummangalelwa wanikela ubungqina waza wabiza ingqina lakhe, nalo elungumzala wakhe, kodwa ubungqina babo bafunyanwa bukude nenyaniso.
Wafunyanwa enetyala kwaye inkundla yavumelana nomtshutshisi ukuba nangona umtyholwa exelele inkundla ukuba ungutata wabantwana abathathu abasebancinci kwaye nguye yedwa oqeshiweyo kusapho lwakhe, loo nto ayibususi ubunzulu betyala kunye nefuthe elibe nalo kubomi bexhoba.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Kapa, uBarry Madolo, uncome inkuthalo yomtshutshisi ekubuyiseleni eli tyala, egxininisa ukuba onke amatyala obundlobongela obuphathelele kwezesondo anyhasha amalungelo esidima nemfihlo yamaxhoba njengoko kubhaliwe kumgaqo-siseko wethu kungoko iNPA itshutshisa la matyala ngogonyamelo kuluntu lwethu.

