USothukile usomashishini waseMonti emva kokuxhwilwa komntwana wakhe oneminyaka elithoba kufutshane nesikolo samabanga aphantsi eBuffalo Flats ngenjikalanga yangoLwesibini.
Amapolisa athi ityala lokuxhwila livuliwe kwaye liyaphandwa. Abantu ababebukele kunye nabamelwane ababengcangcazela kwindawo yexhwayelo abavumanga ukuthetha.
Amapolisa ayekwindawo yexhwayelo kwaye usapho lomntwana lwalusesikolweni. Uyise, ongenakuchazwa ngegama kukhuseleko lomntwana, uthe: “Umntwana wam uxhwiliwe kwaye ayamkelekanga kwaphela le nto. Amapolisa asixelele ukuba lo mba uyaphandwa.”
Isithethi samapolisa aseBCM uKapteni Hazel Mqala ungqinile ukuba lo mntwana uthathwe enxibe iYunifomu yesikolo.
“Ngentsimbi yesithathu emva kwemini, ixhoba beligoduka nobhuti walo oneminyaka esibhozo osuka esikolweni. Imodeli yesilivere engwevu yeCorolla, ekunokwenzeka ukuba yeyango-2018, enabarhanelwa ababini abangamadoda beza ebantwaneni babamba udade oneminyaka elithoba ubudala bamnka naye,” utshilo.
NgoLwesine weveki ephelileyo, indlela ephithizelayo yaseQonce iBuffalo Road iye yema emva kokuba ityendyana lomfana lixhwilwe phambi kweshishini. Ixhoba elineminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala, ongachazwanga ngenxa yenkuselo, uhluthwe liqela lamadoda axhobileyo ngelixa evula ivenkile ye-Hardware. Abarhanelwa bafike ngeveni, eneepleyiti zobhaliso waseNtshona Kapa, babaleka besingisa ngaseZwelitsha.

