36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

IGwetywe oodilikajele ababini indoda ngenxa yokudlwengula.

INkundla yeNgingqi yaseMonti imgwebe izigwebo ezimbini zobomi uPhelo Mgoba (25) emva kokufunyanwa enamatyala amabini okudlwengula kwizehlo ezibandakanya umntwana osakhulayo eDuncan Village, ngaseMonti. La matyala avela kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo ezehla ngo2022, apho uMgoba waxhaphaza ngokwesondo ummelwane oneminyaka elishumi elinanye, ominyaka ilishumi elinesithathu ngoku.

Uhlaselo lokuqala lwenzeka ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuCanzibe ngo-2022, xa uMgoba waya kummangali ngethuba ephuma esikolweni waza wammemela kwityotyombe lakhe. Ngenxa yokufuna ukwazi, ixhoba liye etyotyombeni, apho ladlwengulwa khona. Uhlaselo lwesibini lwenzeka ngomhla wesithandathu (06) kwinyanga yeSilimela ngo-2022, xa ummangalelwa waphinda wamemela ummangali kwityotyombe lakhe. Ummangali waphinda waxhatshazwa ngokwesondo.

Emva kohlaselo lwesibini, ummangali waduka, nto leyo eyabangela ukuba usapho lwakhe luqalise ukukhangela. Emva kwexesha bafumanise ukuba uMgoba uyaziwa lusapho nanjengoko ebefunda nomalume wommangali. Ngosuku olulandelayo, ngomhla wesixhenxe (07) kweyeSilimela 2022, usapho lwasixela esi sehlo emapoliseni. Ummangali uye waxilongwa kwiziko iMdantsane Thuthuzela Care Centre, nalapho kwaqinisekiswa ukuba umalunga neeveki ezimbini ekhulelwe. Ngenxa yobuncinci bakhe, usapho lwakhe lwagqiba ekubeni sichithwe isisu.

Ebudeni betyala uMgoba obesebenza njengonoteksi, akalikhanyelanga ityala, nto leyo ebangele ukuba umtshutshisi uFezile Fini akhokele ubungqina bommangali nokwanyanzeleka ukuba ancediswe ngumthetheli. Umama wommangali, umakhulu, kunye nomalumekazi nabo banike ubungqina obubalulekileyo. Kwimibuzo yakhe, uFini uyibethelele into yokuba ummangali mncinci kakhulu ukuba angavuma ukwabelana ngesondo, nto leyo uMgoba akanakuyiphikisa.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele isigwebo, ebulela ukusebenza ngenkuthalo kwabaphandi bamapolisa, igqiza lezotshutshiso, iThuthuzela Care Centre, umthetheli, neGosa lamalungiselelo enkundla uMaki Menqe. Onke amatyala obundlobongela obuphathelele kwezesondo aphazamisana namalungelo esidima kunye nemfihlo yamaxhoba, njengoko kubhaliwe kumgaqo-siseko wethu kungoko iNPA itshutshisa la matyala ngokungqongqo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks