Umdlwenguli omkhulu ufumene izigwebo zoBomi ezihlanu.
Indoda esi sidlwengu yaseGqeberha, uGrant Williams (47) ugwetywe oodilikajele abahlanuemva kwezisele yinkundla ephakamileyo yaseGqeberha izolo umhla wesihlanu (05) kweyeThupha 2024.
Umkomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene usamkele isigwebo sobomi abahlanu esibekwe kwisidlwengu esikhohlakeleyo kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha, uluqhwabele izandla uphando olubalaseleyo lwecandelo lokukhuselwa kwabantwana nobugebengai eGqeberha, ukwaqinisekisile ukuba lo mdlwenguli ongenazintloni uzakuhlala evalelwe ubomi bakhe bonke.
UWilliams wenza ezi zenzo zobuqhophololo ukuqala ngo-2017 ukuya kutsho ngo-2021, amabhinqa amahlanu aphakathi kweminyaka eyi-17 ukuya ku-28 leminyaka ubudala alukuhlwa nguye aze adlwengulwa. UWilliams waagxila kumfazi ohamba yedwa, emva koko wabagrogrisa ngompu phambi kokuba abadlwengule kwindawo ezifihlakeleyo kude kufuphi nekhaya lakhe eMissionvale. Ngo-Agasti ka-2022, uWilliams wabanjwa ngezityholo eziphathelele ubusela bobhedu kwindawo yase-Algoa Park.
Emva kokubanjwa kwakhe, isampuli ye-buccal yathathwa kwaye kamva i-DNA yakhe yayanyaniswa ngokuqinisekileyo namatyala amahlanu odlwengulo angasonjululwanga.
Emva kokuba olu lwazi kwabelwana ngalo necandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye namaTyala ngokweSondo, olu lwazi luye lwasetyenziswa kwaye baqala ngendoda ezingela uWilliams. Emva kokugqogqa ixesha elide kunye nokuvuswa koosolwazi amalungu aabamba ngempumelelo umrhanelwa ngomhla we-20 ku-Agasti ka-2023 kwisakhiwo esingasasetyenziswayo e-Misonvale. .
Kumatyala amahlanu, waphanga amaxhoba akhe amabini iiselfowuni kunye nempahla.
Wahlala eluvalelweni de kwagqitywa ityala. NgoMvulo we-05/08 uWilliams wavuma ityala kuwo onke amatyala ayi-16 kwaye wagwetywa ngolu hlobo lulandelayo:
Izigwebo ezihlanu zobomi entolongweni kumatyala ama-5 odlwengulo.
Iminyaka emine (4 x 5) kwibalo ngalinye lokuxhwila.
Iminyaka emibini (2 x 15) yesibalo ngasinye sokuphanga ngeemeko ezimanyumnyezi.
Iminyaka emine (4 x 5) entolongweni kwityala ngalinye lokukhomba into enokwenza ukuba umntu akholelwe ukuba ngumpu.
(1 x 3) iminyaka entolongweni ngenxa yokubala ubusela.
Zonke izigwebo ukusuka kwinani lokuqala (1) ukuya kwishumi elinesithandathu (16) ziya kuqhutywa ngaxeshanye nezigwebo zobomi entolongweni.
ULt General Nomthetheleli Mene uphinde wathi ezi zigwebo ngokuqinisekileyo luloyiso lwawo onke amaxhoba athe afumana isidima esithotyiweyo ngenxa yenceba yendoda ekhohlakeleyo. ‘Izigwebo ezinde zentolongo ezifana nesi zizisa ithemba kuwo onke amaxhoba ukuba ubulungisa bukhona kwaye umjikelo wobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana unako kwaye kufuneka uphulwe. Igosa eliphandayo uD/WO uThabang Shillajoe unconywe kakhulu ngokuqinisekisa ukuba uGranton Williams akasoze aphinde ambone umphandle wesisele sentolongo ngalo lonke ixesha esaphila.
Siza kuqhubeka ukubeka phambili kwaye siqinisa iinzame zethu zokukhusela abasetyhini, abantwana kunye namaqela asemngciphekweni kubundlobongela obusekelwe kwisini (GBV). Abasetyhini banamalungelo oluntu kwaye ngumsebenzi wethu ukuqinisekisa ukuba la malungelo akanyhashwa, ”wongeze watsho uLt Gen Mene.