27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

Kubanjwe amapolisa amabini atyholwa ngokwaphula-umthetho

Amapolisa amabini abanjwe emva kokuba omnye ebanjwe ngethuba kutyholwa ngokuphanga exhobile eMpuma Koloni waza omnye wabanjwa ngezityholo zobundlobongela obusekelwe kwisini (gender-based violence) (GBV) eNtshona Koloni.

Isithethi samapolisa uBrigadier Novela Potelwa uthe usajini oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala bekulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseMalmesbury ngoMvulo umhla wesihlanu (5) kweyeThupha ngezityholo zokubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba kunye nobundlobongela basekhaya. Ubanjwe ngorhatya lwangoLwesihlanu umhla wesibini kweyeThupha emva kokutyholwa ngokubetha izizalwane zakhe eRiebeek West.

Kwelinye icala, owakwantsasana oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala osebenza kwiqela laseKapa u abanjwe emva kokuphanga eMthumbane cebukuhle eSajonisi ngoLwesithathu umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala ngethuba atyholwa ukuba amaxhoba ajijisana naye, sitshilo isithethi samapolisa uLt-Col Siphokazi Mawisa.

“Kutyholwa ukuba lo sajini, nojutshwe ePort St Johns, wabandakanyeka kuphango exhobile, ngethuba kuphangwa, woyiswa ngamaxhoba, akwazile ukumhlutha izixhobo.

“Umrhanelwa ujongene netyala lokufumana umpu ngaphandle kwempepha-mvume kunye nokuphanga. Kulindwe nje ukuba achache kukwenzakala kwakhe uzakuvela kwinkundla kamantyi waseSajonisi akuphila

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks