Igwetywe oodilikajele abathathu indoda ngenxa yokudlwengula nokubulala.

INkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika, iCandelo leMpuma Koloni, eMthatha, igwebe uBongani Zini (28), oodilika jele abathathu entolongweni ngenxa yokudlwengula nokubulala owasetyhini oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala. INkundla iphinde yagweba uZini iinyanga ezilishumi elinesihlanu (15) ngokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa indoda eyayihamba nexhoba lodlwengulo elibhubhileyo. Esi sehlo seenzeke ngobusuku bomhla wokuqala (01) kweyoMqungu kanyaka ka2023, ngethuba kubhiyozelwa unyaka omtsha kwilali yaseNtsundwana kwisithili saseNgqeleni.

Ngobusuku baloo ntlekele, eli bhinqa liselula lalikunye noodadewabo kwithaveni yasekuhlaleni. Ngexesha lokuba kugodukwe, lashiyeka nomfana elalifunda naye esikolweni xa babekhatshwa ngamadoda amathathu. Enye yala madoda yahlasela eli bhinqa kunye neqabane layo ngemela, lifuna ukubaphanga iiselfowuni zabo. Le ndoda yaahlaba umfana owayefunda naye esikolweni owathi emva koko wabaleka esindisa ubomi bakhe. Emva koko le ndoda yayalela abahlobo bayo ababini ukuba barhuqele owasetyhini kwindawo emnyama apho anyanzele omnye wabo ukuba amgade, aze omnye adlwengule lo mfazi. Xa eli bhinqa libaziyo abahlaseli balo labuzayo, “Bongani kutheni undenza le nto nje?”, wamhlaba izihlandlo ezininzi esifubeni, baza bamshiya becinga ukuba ufile. Amapolisa aafumana isipaji sikaZini ecaleni kwesidumbu sexhoba, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwakhe. Emva koko, wasilahla isicelo sakhe sebheyile emva kokuba uluntu lutshise ikhaya lakhe.

Ngexesha letyala, iGqwetha loMbuso uThabo Dease waakhokela ubungqina bamaqabane amabini kaZini, awayeneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala ngexesha lesi siganeko. Baaxelele inkundla ukuba baasebenzisana naye ngenxa yokoyika kuba engumntu owaziwayo oyingozi kwilali yabo. Ekuziphenduleleni kwakhe uZini uye wakukhanyela gca oku, kodwa phantsi kokuphekwa ngemibuzo wayitshintsha indlela awayethetha ngayo waza wabanga ingqina, elaye lakhatywa yinkundla.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uncome umtshutshisi, umcuphi wetyala, kunye namangqina ingakumbi usibonda welali othe wancedisa kuphando lwamapolisa, eqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka kweli bhinqa liselula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA