Kutyholwa ukuba ngoLwesine womhla wesithandathu kuCanzibe 2024, malunga nemizuzu elishumi elinesihlanu emva kwentsimbi yesithathu emini (15:15) ilungu loluntu linike ulwazi kumalungu eeNkozno zesiPolisa zoMzantsi Afrika, eAlgoa Park, malunga nohlobo lwemoto ye-VW Polo enombala ozuba, eUitenhage Road. Ulwazi oluthe kratya lwalusithi kukho abantu ababesiba iintambo zobhedu baze bazifake emotweni. Amalungu asesipoliseni akhawuleza asabela kwaye xa abarhanelwa beqaphela isithuthi sakwaSAPS, baye babaleka.
Emveni koleqwa baze bafunyanwa, abarhanelwa abane baphuma kulemoto baze babaleka ngeenyawo besiya kumacala ahlukeneyo. Kwabanjwa wamnye umrhanelwa, ngelixa abanye abarhanelwa abathathu bebalekela ematyholweni kwicala laseSalt Lake.
Ngexesha lokugqogqwa kwesithuthi, kufunyanwe imiqulu yeentambo zobhedu. Amapolisa agqogqa kummandla we-Uitenhage Road apho isithuthi sasimiswe khona kwaye afumanisa malunga neemitha ezingamakhulu amabini (200) zeentambo eziphezulu zisusiwe (zisikiwe). Imoto yohlobo lwe-VW Polo iye yathinjwa ukuze kuphandwe. Abarhanelwa bavalelwe ngezityholo ezinxulumene noMthetho woLungiso lweMicimbi yoLwaphulo-mthetho – ukonakalisa iziseko ezingundoqo ezibalulekileyo, ukuba nempahla ekurhaneleka ukuba ibiwe kunye nokuqhuba ngokungenankathalo okanye ngokungakhathali.
Kwelinye ityala elinganxulumenanga nale, kwangoLwesine malunga nemizuzu engamashumi amathathu emva kwentsimbi yesibhozo kusasa (08:30), amalungu eSAPS eKariega ngexesha bezulazula bepatrola kwisitalato i-Mills Street, baye baxelelwa ngabahlali ukuba bagrogriswa ngabarhanelwa ababini abaxhobe ngekrele nemela. Amalungu alulandelele olu lwazi kwaye kwisitalato iThornton, eKariega abamba abarhanelwa ababini (36 and 37). Kwathathwa izixhobo eziyingozi baza bathimba nomlinganiselo we1.73kg yeentambo zobhedu.
Aba barhanelwa bavalelwe ngezityholo zokuba nezixhobo eziyingozi kunye nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.
Abarhanelwa bazakuvela kwiinkundla yamatyala kwiingingqi zabo, kungekudala.

