15.9 C
King William's Town
Thursday, April 4, 2024

Ii-ofisi zeSebe lezeMfundo zisasemva ngezigidi zeerandi eNelson Mandela Bay

Abasebenzi beSebe lezeMfundo eNelson Mandela Bay basebenza ebumnyameni, bengenambane ukusukela ekuqaleni kwenyanga yoMnga kulonyaka uphelileyo.

Kodwa isebe lephondo lithi lifikelele kwisivumelwano nomasipala sokuba amandla abuyiselwe kwiiofisi zakhe.

Isebe lephondo lityala umasipala imali engaphaya kweshumi elinanye lezigidi zeerandi kwiimali ezingekahlawulwa. NgoMvulo, inyambalala yabazali nabafundi, bebendwendwele kwezi ofisi ukuyocela ukuphinda babhale iimviwo zabo zebanga leshumi, kodwa bejikiswa.

Amagosa akwi-ofisi eSidwell, Gqeberha naseCannon Street eKariega axelele abeendaba ukuba umbane ucinywe ngomhla weshumi kweyoMnga. Abantu abatyelele ezi ofisi bebezalisa iifomu ngaphandle eziyadini behleli kwiipaseji ezimnyama.

Unogada wale ndawo uthe kwafika igosa likamasipala kweyoMnga laxelela oonogada ukuba baxelele amagosa ezemfundo angaphakathi ukuba uzakuwucima umbane kwibhokisi. Ukusukela ngoko, amagosa ebegqogqa ngentsimbi yokuqala yonke imihla. Iingxelo ngokukanogada zidiza ukuba Ayikokokuqala becima umbane ngenxa yamatyala.

Igosa eliphezulu elingathandanga kuchazwa igama lalo, lathi: “Ndize apha ukuze ndifumane ibhaso lam [leminyaka elishumi nangaphezulu lenkonzo] kodwa alizange liprintwe, kuba iikhompyutha zivaliwe. Imbasa iza nemali yebhaso, ngoko ke asinakubanga amabhaso ethu kuba amabhaso ethu ebebambeke kwezo khompyutha ukusukela kunyaka ophelileyo.”

Isithethi sikamasipala waseNelson Mandela Bay uMamela Ndamase uthe: “Inkonzo zesebe ziye zanqunyanyiswa ngenxa yokungahlawulwa kwee-akhawunti. Isebe lazisiwe ubuncinane kwiintsuku ezili-14 phambi kokuba luqhawulwe.

UNdamase uthi isebe lityala umasipala iR46.9 yezigidi zeerandi kodwa kutsha nje uhlawule iR17.9 yezigidi zeerandi. “Kuthenjiswe iR17.4 yezigidi zeerandi kwisithuba seentsuku ezisixhenxe ezizayo. Intsalela eseleyo iza kuba yi-R11.6-million isebe elithembise ukuba iya kuhlawulwa ekupheleni kuka-Epreli,” utshilo.

“Isibophelelo sokuhlawulela iirhafu kunye neenkonzo ziyafana nakwabanye abatyalwayo,” utshilo.

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima uvumile ukuba batyala umasipala. “Senze amalungiselelo entlawulo ngoku nomasipala, kwaye yonke into ngoku ibuyele esiqhelweni kwii-ofisi zezithili.”

Uthe izibane bezilayitiwe ngempelaveki, kodwa khange achaze ngakumbi xa exelelwa ukuba basisacimile kwiofisi eseSidwell ngoMvulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.9 ° C
15.9 °
15.9 °
87 %
2.2kmh
100 %
Thu
33 °
Fri
18 °
Sat
14 °
Sun
17 °
Mon
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks