Ulwazi oluthembekileyo lukhokhelele ekubanjweni kwendoda eshishina ngentsangu Frankfort

Ulwazi oluthembekileyo lukhokelele ekubanjweni kwendoda eneminyaka engamashumi amathathu ubudala ngenxa yokuba nentsangu kunye nompu ongekho semthethweni kwindawo yaseKhayelitsha eFrankfort A/A ngoMvulo.

NgoMvulo, umhla wesihlanu kweyeSilimela ngo-2023, kutyholwa ukuba isithuthi samapolisa esijikelezayo, esasikwisithuba sesiqhelo sasebenza ngokolwazi malunga nomntu, otyholwa ngokuba izibane zespaza sasekuhlaleni.

Kumzuzwana emva koko, amapolisa agqogqa indoda engalindelanga endlwini yayo eFrankfort. Emva kokuba kukhangelwe ezi zinto zibiweyo,“I zibane ezibiweyo”, amapolisa afumene iiplasitiki ezintlanu ezinentsangu exengaxengayo kunye nompu we-9mm ongenaphepha nemagazini enye engenanto.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu ubudala ulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eZwelitsha ngolwesithathu umhla wesixhenxe kweyeSilimela ngezityholo zokuba nentsangu nokuba nompu ongenampepha.

UKhomishinala weSithili sase-Amathole uNjengele Ngangema Xakavu ububulele ubudlelwane bokusebenza phakathi kwabahlali kunye neSAPS ekulweni ulwaphulo-mthetho. Oku kubanjwa kwenzeke ngenxa yemigudu yamalungu oluntu.

Imibuzo yeMedia
UKapteni Siphokazi Mawisa 071 366 1907

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA