Iintombi ezingachukunyiswayo(virgins) azigodoli, zingevi ngqele.

IKumkanikazi yendlu yakwaXhosa eNqadu uNonzuzo Sigcau ekunye nesigqeba sakhe, bebebambe umsitho weentombi-nto(virgin) kuMaspala waseMnquma kulempela-veki sisuka kuyo.

Ezintombi nebezisuka kumaphondo ngamaphondo kuquka naKwazulu-Natal, bafike ngeenjongo zokudushuza; ukuxhentsa nokuqhayisa ngobunyulu babo.

Kaloku eliphulo lenzwelwe ukukhuthaza abantwana ukuba baziphathe kakuhle, baziqoqoshe kwaye bazidle ngezigqibo abazithathileyo xa bechasa izenzo zokwabelana ngesondo bebancinci kuba befuna ukulinda ixesha elililo nelivumelekileyo kubazali kwanemfundo yabo.

IKumkanikazi uNonzuso Sigcau uthi, “ukwenza imisitho enjena kunayo imiceli-mngeni kwaye akukholula xa inkxaso inqongophele”

Kodwa nangona kunjalo besiSizwe saMaXhosa, bawukwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abantwana abawalahli amasiko nezithethe zabo.

Lamasiko nezithethe ngawo azakubancedisa ukuba badlalele kude kutywala neziyobisi ingakumbi ukumitha besebancinci.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA