Usapho lwakwaDubula, kwilali yakuVonqo kwaGaba eDutywa lusabembe ongezantsi ngumothuko wesiganeko esimanyukunyezi esibehleleyo kwiiveki ezimbalwa ezindlulileyo.
Olusapho luthi lufuna iimpemdulo emva kokuba bebhaqe umzimba kadadewabo untyumpa-ntyumpeka edakeni lendlu yangasese neselalini kumzi othile nongasahlali bantu.
Ngethuba sifumana ingxelo kusapho lusichazele ukuba, ngomhla wokuqala (1 May 2023) bafumene umyalezo novela kudade wabo esithi ubethiwe likrexe lakhe. Oku kusemva kokuba ebengabuyanga ekhaya kwaye eshiya umtwana oneminyaka emibini ngasemva ntoleyo engaqhelanga ukwenzeka.
Ilungu losapho lithi, “usisi ukhe ahambe, kodwa zange ahambe iintsuku zibembini engabuyi ashiye abantwana” utshilo udade wexhoba.
Nangona ke kunjalo usapho lothuka ngulomyalezo ungene kunomyayi, ze ngoko nangoko bakhangela begqiba ilali de bayogilwa ngumzimba wexhoba kwindlu yangasese sele ebhubhile uCeliwe.
Sithetha nje akukabikhomtu ubanjiweyo ngesisiganeko, nangona amapolisa ekhe ancwina ikrexe elo lexhoba kunye nelinye elahlukanayo nomfikazi.
“Asixoli tuu kukubhubha kukadadewethu ngolahlobo, emva koko kuthi cwaka” oku kusemva kokuba kubhaqwe umzimba wowasetyhini untyumpa-ntyumpeka kwidaka lendlu yangasese eDutywa.