Ingozi eMtata nesube imiphefumlo emithathu(3)

Ngabantu abathathu(3) abaphulukene nobomi babo ngelixa ababini(2) abafumene umonzakalo kwingozi yemoto.

Oku kusemva kokuba iimoto ezimbini zingquzulene ngqo, kuhola wedlela uR61 eMthatha ngaseTabase xa usingise eNgcobo.

Ngokwengxelo yeSebe lezoThutho ephondweni, Isiganeko senzeke ngomhla we 15.05.2023 (ngoMvulo) malunga nentsimbi yesithandathu(18H00) malanga.

Sisithuthi sohlobo we(Isuzu) nebinabakhweli abahlanu(5) baseMthatha, bonke ingamadoda logama kwesinye isithuthi selori nebisuka eNgcobo ibinomkhweli omnye kunye nongumqhubi.

Amadoda amathathu nabekwi(Isuzu double cab) aye avaleleka apho ngaphakathi kwisithuthi ngethuba lalengozi.

Kusetyenziswe imihlathi yezixhobo zohlangulo ukukhupha amaxhoba naye abhengezwa njengabaswelekileyo kwindawo yesigameko.

Amadoda amabini onzakeleyo kwi Isuzu LDV, emnye owonzakele ngokumasikizi logama omnye nongumqhubi weloli owenzakele kancinane.

Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele iNelson Mandela Academic ukuze bafumane ukunyangwa ngakumbi eMthatha.

Ukuqhuba ngokungakhathali kunye nokungakhathali kube ngunobangela ophambili wengozi njengoko indlela isakhiwa apho isantya sokuhamba silawulwa ukuya kumaqondo aphantsi.

Ityala lokubulala ngokungenjongo livuliwe eMthatha ukuze kuqhutywe uphando.

NB: Iimoto ezikumfanekiso akuzizo ezigileneyo

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA