9.9 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Ingozi eMtata nesube imiphefumlo emithathu(3)

Ngabantu abathathu(3) abaphulukene nobomi babo ngelixa ababini(2) abafumene umonzakalo kwingozi yemoto.

Oku kusemva kokuba iimoto ezimbini zingquzulene ngqo, kuhola wedlela uR61 eMthatha ngaseTabase xa usingise eNgcobo.

Ngokwengxelo yeSebe lezoThutho ephondweni, Isiganeko senzeke ngomhla we 15.05.2023 (ngoMvulo) malunga nentsimbi yesithandathu(18H00) malanga.

Sisithuthi sohlobo we(Isuzu) nebinabakhweli abahlanu(5) baseMthatha, bonke ingamadoda logama kwesinye isithuthi selori nebisuka eNgcobo ibinomkhweli omnye kunye nongumqhubi.

Amadoda amathathu nabekwi(Isuzu double cab) aye avaleleka apho ngaphakathi kwisithuthi ngethuba lalengozi.

Kusetyenziswe imihlathi yezixhobo zohlangulo ukukhupha amaxhoba naye abhengezwa njengabaswelekileyo kwindawo yesigameko.

Amadoda amabini onzakeleyo kwi Isuzu LDV, emnye owonzakele ngokumasikizi logama omnye nongumqhubi weloli owenzakele kancinane.

Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele iNelson Mandela Academic ukuze bafumane ukunyangwa ngakumbi eMthatha.

Ukuqhuba ngokungakhathali kunye nokungakhathali kube ngunobangela ophambili wengozi njengoko indlela isakhiwa apho isantya sokuhamba silawulwa ukuya kumaqondo aphantsi.

Ityala lokubulala ngokungenjongo livuliwe eMthatha ukuze kuqhutywe uphando.

NB: Iimoto ezikumfanekiso akuzizo ezigileneyo

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
9.9 ° C
9.9 °
9.9 °
84 %
1.2kmh
90 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks