Isebe lezoKhenketho eMpuma Koloni lukhuthaza uluntu ukuba lizonwabise kwaye lithathe inxaxheba kwinkonzo yezokhenketho kweziholide zokuphela konyaka. Lenkuthazo iza eluntwini ngesihle kwaye ikwafundisa uluntu ngemvelaphi yabo nanjengoko amanye amaziko eendawo ezithi zityelelwe luluntu eMpuma Koloni ziqulathe amabali anembali yoMzantsi Afrika kunye nendima yoluntu kwinkululeko yeli.
Oku kunceda ngolwazi kwinkwenkwezi zangomso kuquka nokukhululisa ezoqoqosho eMpuma Koloni. Ubusazi na ukuba unako ukutyelela iindawo ezaziwayo kakhulu kwelisebe lokhenketho, nezifana neGrinika eseMdantsane eMonti. Unako ukuthatha usapho lwakho niyokukhwela izikhephe ezincinci ngemadlala nje engangeR150. Oku sikubone kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo apho iSebe lakwaParks & Tourism eMpuma Koloni lithe lathatha iqaqobana leentatheli zamaziko eendaba, ngelinge lokubabonisa ubuhle beliphondo nokukhuthaza uluntu ekhaya ukuba luyazi izinto ezikhoyo zokonwaba xa betyelela eMpuma Koloni.
Eliqela lilaliswe kwihotele kanokutsho iPrana Lodge eseChintsha kunxwene lwaseMonti. Akuphelelanga apho, koko basiwe eBhatisi kwindawibapho kuboniswa uluntu ngokulina ipayinapile apho kukho esona sakhiwo side esenziwe ngomfanekiso wepanapile eyakhuwa ngonyaka ka1990.
Oko kukubala nje okunye kwinkonzo ezintle ezenziwa lelisebe. Kwaye nawe ekhaya unako ukuba ukwenze oku kwaye akubizi mali ininzi tuu koko kuzakubuyekeza inzuzo eyonwabisayo kuwe nosapho kwakho.
Ngaphandle kwalo bhubhane siwaziyo we Covid 19, elicandelo lezokhenketho eMpuma Koloni lizimisele ukugcina eli candelo limile. Eli candelo lenze iphulo lokukhuthaza uhambo ebantwini beliphondo lalapha eMpuma Koloni, nelilelona linikeza umtsalane ebantwini kwiindawo zokhenketho jikelele kweli. Lihle eliphondo kwaye laziwa njengekhaya lamaqhawe(Home of the Legends)
Ngoku ke elisebe lezoKhenketho belibambe umsitho wokuphehlelelwa ngokusesikweni kohambo lwasehlotyeni ePort Alfred ngenjikalanga yangomgqibelo umhla we(4 December 2021) eluthi (Fall inlove with the Eastern Cape).
Ingqonyela yebhodi yezokhenketho yePhondo, uVuyani Dayimani, ubongoze abantu basekuhlaleni, abakhenkethi ukuba bandwendwele iindawo ezitsala umdla ukuze kunyuswe uqoqosho lweli. “Asikhuthazi oku sisenzela nje thina, kodwa senzela umsebenzi; amakhaya ethu; ilizwe lethu kunye nezihlobo nezalamane zethu zihlale zibeka ukutya etafileni ngelixesha linzima” utshilo. UDayimani ukwathe ke kufuneka kunikwe ingqwalasela uqoqosho lwasezilalini ngoba kulapho abantu abaninzi bakhoyo,kufuneka kunikwe ingqwalasela kuphuhliso lwasemaphandleni kunye noqoqosho lwasemaphandleni.
Elicandelo lezokhenketho uTourism ufundisa okanye usibonisa ukuba noba ilizwe lingavalwa kodwa zininzi iindawo zokutyelela kwalapha kweliPhondo lethu.