Kubhaqwe umzimba womtu sele ebhubhile eKaladokhwe

KUBHAQWE UMZIMBA WOMNTU ONABELE UQAQAQA PHEZOLO KUBUSUKU ESIBUVUKAYO

Kufunyenwe umzimba wexhego elineminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu ubudala (65) kwindlu esefama kufuphi kunendlela uR390 phakathi kwe Hofmeyr kunye neKaladokhwe (Cradock).

Iingxelo zithi izolo umhla wamashumi amathathu kulenyanga yeThupha malunga necala ibethile intsimbi yesibhozo, amapolisa aye abizwa kwindawo yesehlo kwifama ethe cebukuhle kwidolophu yaseKaladokhwe. Ngokwengxelo yamapolisa lomzimba ufunyenwe unamanxeba okuhlatywa kumzimba ongentla, ukanti umfi ngumntu owaziwayo kodwa amapolisa asazinkonyile ezoncukacha de kuqosheliswe inkqubo yokufaniswa ngokusesikweni.

Imoto yalo ungasekhoyo iye yafunyanwa kwisitalato iConway eHofmeyr. Isizekabani sesisehlo asikaziwa kodwa iimeko ezingqamene nelityala ziyinxalenye yophando. Amapolisa acela nabani na oneencukacha malunga nelityala ezinokukhokelela ekubanjweni komrhanelwa okanye kwabarhanelwa atsalele umcuphi okhokele uphando kwinombolo ethi 082 319 8876 okanye atsalele inombolo yequmrhu lecrime stop engu08600 10111

Ingxelo:Siya Sitofile

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
75 %
2.2kmh
44 %
Fri
34 °
Sat
25 °
Sun
24 °
Mon
28 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA