Abasebenzi beNkonzo zoNyango oluNgxamisekileyo (EMS) eGqeberha balumkise ngelithi ubomi babantu bubekwe emngciphekweni ngenxa yokuba iminxeba yeenkonzo zikaxakeka zingasebenzi kangangeentsuku ezintandathu.
Abahlali abakwazanga ukufikelela kuyo nayiphi na i-ambulensi kwinombolo yonxunguphalo ngenxa yokuba iintambo zomnxeba ziye zacinywa ngoLwesibini umhla weshumi elinethoba ku Matshi. Oku kuvakala ukuba, kudalwe kukusilela kwesebe lezempilo eMpuma Koloni ukuhlawula umniki-nkonzo.
Isithethi sesebe lezempilo uMkhululi Ndamase ngoMvulo ungqinile ukuba iminxeba ivaliwe kwiMpuma Koloni iphela. “Isebe lithethathethana nomboneleli-nkonzo kwaye lizimisele ukulihlawula ityala ekuqaleni konyaka-mali olandelayo (ukuqala kukaTshazimpuzi). “Sinethemba lokuba iminxeba iza kubuyiselwa kungekudala.”
UNdamase khange aqinisekise ngemali etyalwayo kodwa uthe amaziko asebenzisa iiselfowuni de usonjululwe lo mba. NgoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesibini ku Matshi, isebe lithumele isaziso esithi: “Iziko leefowuni ze-ambulensi okwangoku lijongene necili-mingeni yobugcisa, ngenxa yoko, uluntu lungathwalanzima ukufikelela kwiziko leenkonzo zikaxakeka (EMS).”
Iinombolo ezintathu zomnxeba ezizezinye ziye zanikezelwa kunye nenombolo yeselula enokusetyenziswa ngabahlali ngexesha likaxakeka ukuthumela i-EMS umyalezo ka-WhatsApp.
Kusenjalo kukho izityholo zokuba umsebenzi we-EMS ocele ukungadizwa igama lakhe uthe abantu ekuhlaleni bebesweleka ngenxa yokuba bebengakwazi ukufikelela kwi-ambulensi kwaphela. “Izandla zethu zibotshiwe. Kufuneka senze ntoni xa kungekho mntu unokufikelela kuthi ngexesha likaxakeka?
“Abantu abazazi ezi nombolo zitshintshayo. Bagxeka thina ngobugwenxa kuba sifika emva kwexesha okanye mva nje asifikanga kwaphela.” utshilo lomsebenzi
Ekwathi unoloyiko lokuba oku kungabeka ubomi boogqirha emngciphekweni kuba abahlali abanomsindo abakwiimeko eziphantsi koxinzelelo abafuni kuva naziphi na izizathu.
Abo bafuna ukufikelela kwi-ambulensi banokubsebenzisa ezinombolo zethutyana 041-3545404, 041-4595245, okanye 041-9615016.
Inombolo kaWhatsApp ithi: 0662980024