18.2 C
King William's Town
Tuesday, April 2, 2024

Kubhubhe isibini, ze omnye wangxwelerheka kwisehlo sokudutyulwa eGqeberha

Amapolisa aseGqeberha aphanda ukubulawa kwabantu ababini eBhetesdorp ngentsasa yangeCawe

Isithethi samapolisa, uColonel Pricilla Naidu uthi amapolisa alunywe indlebe ngesiganeko sokudubulana kwikona yesitalato iNorval kunye neNash e-Extension 29.

Uthi ukufika kwabo kwindawo yexhwayelo, kwafunyaniswa ukuba abantu abathathu badutyulwe kwimoto yohlobo lweCiti Golf.

UNaidu uthi uRivaldo Yawa oneminyaka engama-24 ubudala ubhengezwe njengoswelekele kwindawo yexhwayelo, ngelixa uThurston Williams oneminyaka engama-30 ubudala kamva ebhubhele esibhedlele.

Uthi owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini ubudala ufumene amanxeba okudutyulwa waze wasiwa esibhedlele.

Iimeko ezijikeleze esi sehlo azikaziwa kwaye amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala nelokuzama ukubulala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
64 %
3.9kmh
0 %
Tue
17 °
Wed
26 °
Thu
32 °
Fri
18 °
Sat
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks