Umbutho wezepolitiki i-ATM, ubuyise isidima soGogo obhubhe eneminyaka elikhulu elinesihlanu.

I-African Transformation Movement (ATM) ngoMgqibelo, umhla wamashumi amabini anesithathu kweyoKwindla kulonyaka ka-2024,inikezele ngendlu kusapho lomakhulu obhubhe eneminyaka elikhulu elinesihlanu ubudala. Umakhulu lo wabhubha kabuhlungu kumlilo owavutha
kwindlu yakhe.

Esi sehlo sibi senzeka ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyeKhala ngonyaka ka-2023 eEtyeni Village
kumasipala waseNgqushwa.

Zonke iinzame zokucima umlilo azizange ziphumelele kuba ilali yaseTyeni yayinexesha elide ingenamanzi. Ingxaki yayikunqongophala kwamanzi iinyanga zilandelelana.

Ukuphendula kwisiganeko esibuhlungu, i-African Transformation Movement (ATM), ngenkxaso yeNtloko yezoMoya kwi-ATM,
UNjingalwazi C. Nongqunga, wazijul’ ijacu ukwakhela olu sapho indlu, ngelizama ukubuyisa
isidima sosapho olwathi ngobusuku lwazifumana lungenalo uphahla phezu kwentloko zalo.

Olu nikezelo lwendlu kwelikhaya luzakuqhubeka ngomso umhla wamashumi amabini nantathu (23) kule yeNkwindla kulo nyaka ka-2024, kumasipala waseNgqushwa kwilali yaseTyeni, ixesha ngentsimbi yeshumi elinesibini emini (12 pm).

By *Siyakholwa**Vuso*

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA