27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

Ikhaya elihlala abantwana abangena bazali i(Door of hope) licela amalizo

Umnyango wekhaya leenkedama I Door of Hope wasekwa nguMama uGladys Panda ongasekhoyo ngo-1999. Ube ngumama kubantwana ababelangazelela ikhaya besebenzisa izixhobo zakhe.

Njengoko iminyaka yayiqengqeleka, wakwazi ukufumana uncedo kwimibutho embalwa, emncedisa ngemali yokuhlawulela abantwana nokunikela ngokutya.

Ngo 2022, uMama uGladys wagula kwaye ngelishwa wasweleka kweyoMqungu ka-2023, eshiya abantwana abangamashumi amabini anesithathu, abantu abancinci abasixhenxe kunye nabancedisi ababini kukhathalelo lweentombi zakhe ezimbini.

Ekuswelekeni kukaMama uGladys, abaxhasi abaninzi barhoxa kwaza oko kwabangela ubunzima kwiintombi zakhe njengoko kwakufuneka zifune iindlela zokuqhuba ikhaya, ziqinisekisa ukuba abantwana bayaya esikolweni kwaye babanike ukutya nekhusi.

Ngethuba iLali Tokwe & Mafa Bavuma Foundations isiva ngemeko yekhaya leenkedama iDoor of Hope, batyelele eli khaya behlola imeko ethe yakhokelela ekubeni baququzelele iphulo elithi “Reviving Hope Drive” elihlaba ikhwelo lokuba abantu bancedise ngokuthumela amalizo kweli khaya.

Ukuqhuba kuya kuba yiDoor of Hope ekhaya ngoLwesithathu, amashumi amabini anesibhozo kweyeSilimela 2023 ngentsimbi yeshumi elinesibini emva kwemini, GQEBERA. Abantu bayabongozwa ukuba banikele ngokutya, iimpahla, umbane, iingubo, njl.

Ukuba kukho ixesha aba bantwana bafuna inkxaso, ngoku. Ngokunikela ngezinto ezincinci esinazo, siyabagcina ezitalatweni okanye babandakanyeke kwizenzo zolwaphulo-mthetho. Le yindlela yokukhusela ikamva elingcono neliqaqambileyo.

“Umntwana ukhuliswa yilali”

Ukunikela okanye ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana noYanga Mqoboli, kule nombolo: 073 739 3602 okanye umbhalele kwi imeyile: ayangamqomboli@gmail.com

Ngokuzithoba

Umququzeleli kaYanga Mqoboli

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks