Ayaphokoka amazwi ovelwano kwinkokeli yeDA uJames Selfe obhubhe ngentseni yangoLwesibini umhla wamashumi amabini ananye (21) kuCanzibe emva kokugula ixesha elide eneminyaka engamashumi amathandathu anesibhozo (68) ubudala. USelfe wayengomnye wamalungu epalamente wokuqala elizwe ukunyulwa kwiBhunga leSizwe nelamaPhondo (NCOP) ngo-1994 nokuthatha inxaxheba ekuyilweni komgaqo-siseko.
Usebenze kwiKomiti yezoBulungisa kunye neMicimbi yoLuleko kwaye wayenguMphathiswa wesithunzi weDA kwiiNkonzo zoLuleko.
WayekwanguSihlalo weBhunga eliphikisayo phantse iminyaka engamashumi amabini (20) ukuya kuthi ga ngonyaka ka-2019.
Kusenjalo, inkokeli yeDA uJohn Steenhuisen ubize ongasekhoyo uSelfe njengovulindlela negorha elingadumanga kwinkululeko yoMzantsi Afrika.
USteenhuisen uthi iDA izakuqhuba nelifa likaSelfe, owonwabele iminyaka engamashumi amane anesithathu (43) esebenza kwezopolitiko neDA.
USteenhuisen uthi uSelfe wayengomnye woosopolitiki bokuqala kwimbali yasemva kwenkululeko owaqala umsebenzi wokuchasa amandla angathintelekiyo esininzi se-ANC nokujika uMzantsi Afrika ube yinkululeko ephilayo, ephefumlayo, apho iqela eliphikisayo lathabatha indima yalo njengowona mbutho uphambili woluntu. Esithi olu phuhliso lubalulekileyo alunakujongelwa phantsi kwilizwe apho uxanduva lokuphendula luphetshwa ngokuxhalabisayo. Lenkokheli ityibele USelfe ngelithi wenze umzekelo kubantu abaninzi kwiDA kwaye bazakuqhuba nalo msebenzi welizwe kwinkumbulo yakhe.

