16.6 C
King William's Town
Wednesday, September 4, 2024

ILIFU ELIMNYAMA PHEZUKWEELALI ZASE-AMAZIZI ENGQUSHWA KWAGWALANA NASEMABALENI

Ngorhatya lwangeCawe yomhla we-06 kweyoKwindla kulonyaka ka-2022 zijike zamuncu kusapho lakwaNtlontlo emva kokufika komyeni efuna ukuthetha nonkosikazi wakhe ngenkani, unkosikazi lo ebekunye nomama wakhe kunye nonyana wakhe ominyaka esibhozo(8) ubudala.

Emva kokuba unina nentombi yakhe bengavumanga ukuvula ucango kuba bemazi ukuba umyeni unobundlobongela kwaye endlongo-ndlongo, kutyholwa ngelithi umyeni uye wakhaba ucango lwavuleka wangena ngaphakathi endlwini apho, ze emva koko waqala ukuhlasela umfazi wakhe oneminyaka engamashumi amathathu(30) ubudala(obeza kugqiba iminyaka eyi 30 ngomhla we 24 kule nyanga kaMatshi 2022) ,phofu engamshiyanga umazala wakhe embetha ngocelemba de wafumana ukonzakala okukhulu, kananjalo uye waqhubekeka ukubetha umfazi wakhe ngocelemba emrhuqa ngobusuku esiya ngasendle emathafeni.

Amapolisa abizwe ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo aze afika ngaphandle kokulibazisa kodwa AKAMFUMANA umntu oqale ukuhlasela olu sapho lakwaNtlontlo nasemva kokugada eli khaya isithuba seeyure ezimbalwa engakhange aphinde abonakale lomfo.

Ngentseni yangoMvulo umhla we-07 kweyoKwindla 2022 umzimba kaNkosazana Nosikhumbuzo Mazana-Ntlontlo wafunyanwa ulahlwe ematyholweni uneempawu zokuhlatywa umzimba wonke, ukhakhayi lucandeke ku-2 kwaye kurhaneleka ukuba udlwengulo nalo luye lwenzeka.

Abantu bekunye namaPolisa baqhubekile nokugqogqa umyeni walenkosikazi ebhubhileyo ze emva koko wafunyanwa kowabo eMabaleni kwilali engekude kuyaphi nelali yaku Gwalana ophezulu.

Uhlaselo luka Nosikhumbuzo Mazana-Ntlontlo lwenzeke phambi konyana wakhe oneminyaka esi-8 ubudala ofunda iBanga lesi-2 kwisikolo samabanga aphantsi sasekuhlaleni kwaye igqiza loNontlalontle abaphuma kwa ECDSD Peddie Service Office lihlanganisa igqiza elizakujongana nesisithwakumbe.

Nanjengoko umrhanelwa efunyenwe ebhubhile emva kokuba ezibulele kwikhaya lakhe, azizokufumaneka ezona mpendulo ezifunwa ngabantu boMzantsi Afrika.

Wanga uMphefumlo ka Nkosazana Nosikhumbuzo ungaphumla ngoxolo.

ELI LIQONDO ELIPHEZULU KAKHULU LOKUBULAWA KWAMABHINQA EBULAWA NGAMADODA KWAYE KUKUHLUKUNYEZWA KWABANTU NGOKWESINI, kwaye sikhweba onke amadoda ukuba aye kwiindawo zoncedo xa eziva efuna ngokwenene uncedo ukuphungula umthwalo emphefumlweni. Kubonakala ngathi, amadoda akhupha ukukhathazeka kwawo ngokulimaza imiphefumlo emsulwa ngakumbi amaqabane abo angomama namantombazana.

Uninzi lweenkqubo zigxile kuManina noMntwana oyintombazana kwaye zenza kancinci ngamadoda namakhwenkwe.

Xa besithetha nelungu losapho ngale ntsasa, bacela uncedo lwalo naluphi na uhlobo kwaye bangamkela nabani na oza kutyelela kweli khaya lakwaNtlontlo.

Ikhutshwe ngu

Khula Community Dev Project EC.
Nge-08 kaMatshi 2022

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.6 ° C
16.6 °
16.6 °
50 %
0.7kmh
100 %
Wed
25 °
Thu
16 °
Fri
15 °
Sat
19 °
Sun
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks