20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

IPitbull(inja) itye yabulala umtwana oneminyaka emithathu(3) ubudala eZwide eGqeberha.

Ngumtwana oyintombazana noneminyaka emithathu(3) ubudala othe waqwengwa wabhubha emva kokutywa yinja enobungozi kakhulu i(pitbull). Lenja kuvaka ukuba iphume kwiyadi yayo ngesango elophukileyo yaza yayokuhlasela umtwana ngelixa ebedlala nabanye abantwana esitratweni ngenjikalanga yayizolo umhla we(19 December 2021) kwilokishi yaseZwide eGqeberha.

Ngokwengxelo esiyifumene kwinkonzo yesipolisa eMpuma Kapa, malunga nemizuzu nje embalwa emva kwentsimbi yesine(16:20) uSimamkele Kovu(3) ebedlala kwisitalato iMsengana kufutshane nekhaya yakhe ngethuba lenja imhlasela.

Umhlali obekufuphi nobone esisihelegu uye wazama ukuhlaba lenja izihlandlo ezininzi ngelinge lokusindisa ubomi bomtwana. Ngelishwa umtwana uye wafumana amanxeba amaninzi entanyeni nasebusweni ze wabhubha kukwenzakala kakhulu kwindawo leyo yexhwayelo.

Ukanti lenja kuvakala ukuba yeyomntwana osakhulayo, naye ohlala kwisitalato esinye nexhoba ongekhoyo etyelele kwezinye iidolophu ngexesha lesisehlaselo.

Idokethi lophando livuliwe ngamapolisa Kwazakele kwaye amapolisa abongoza abahlali ukuba baqinisekise ukuba izinto zabo zikhuselekile kwaye izilwanyana zabo zasekhaya zihlala ngaphakathi kwemida ekhuselekileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks