Abafundi beKholeji yeTVET yaseBuffalo City batyhola inkampani ebonelela ngenkonzo zika-National Financial Aid Scheme ngokungaziphathi kakuhle izibonelelo zabo.
Abafundi bathi kuye kunyanzeleka ukuba baboleke imali yokuthenga ukutya nezinye iindleko emva kokuba imali ebifakwe kwiiakhawunti zabo inyamalale.
Endaweni yokuba zilungiswe ezingxaki, abafundi batyhola ukuba ii-akhawunti zabo zavalwa yinkampani eyayinekhontrakthi yokukhupha imali egameni likaNSFAS.
Ulwazi olufumaneka kwiphepha-ndaba I-Dispatch lubonisa umfanekiso weskrini somyalezo weselula womfundi owayefakelwe angamashumi amabini ananye eerand (R21 000) njengenxalenye yemali yesibonelelo ngo-2023.
Kwalo mfundi mnye ubonise uthe iwaka elinamakhulu amabini (R1 200) yakhutshwa kwi-akhawunti yakhe ngaphandle kolwazi lwakhe ngereferensi ethi, “Dddggj”.
Omnye umfundi naye uthe amawaka amathathu eerandi (R3000) yakhutshwa kwiakhawunti yakhe ngaphandle kolwazi lwakhe phantsi kwenkcazo ethi, “Retail Payment”.
Aba bafundi bathi kuye kunyanzeleke ukuba baboleke imali yerenti neyokukhwela.
Nangona iinzame ezininzi zabafundi zokusombulula le miba ngee-imeyile kunye neefowuni, umboneleli-nkonzo utyholwa ukuba usilele ukunika iinkcazo ezanelisayo malunga neemali ezilahlekileyo kwaye wavala ii-akhawunti zabo. Omnye umfundi uthe qho ngenyanga bayafowuna bathumele ii-imeyile becela ukuba kuvulwe iiakhawunti zabo.
USibusiso Bokveldt, unobhala weqonga lolutsha kwi-ActionSA kwiphondo leMpuma Koloni, uthi akwamkelekanga into yokuba abafundi bashiywe belambile bengenangxaki.”Abafundi balala bengatyanga kwaye bayasokola ukugcina uphahla phezu kweentloko zabo ngenxa yoku.”Iinzame zokufumana uluvo kumniki-nkonzo azikhange ziphumelele.