Imdubule wabhubha phambi kwabantwana bakhe.

UMphathiswa weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe, uzifumene ngomothuko iindaba zokubulawa ngokumasikizi kwemvumi eyimbongi nendumiso uNomfusi Potelwa.

Kutyholwa ukuba uPotelwa udutyulwe wabulawa phambi kwabantwana bakhe ababini(2) phezolo ngumrhanelwa ongaziwayo kwikhaya lakhe elikwi lokishini eDutywa. Iinjongo zokubulawa kwakhe azikaziwa kodwa uphando luyaqhuba.

UMphathiswa uKontsiwe umemelele amaziko omthetho ukuba asebenze nzima ukuzisa ubulungisa kusapho lakwaPotelwa. “Kuyothusa ukubulawa kukaNomfusi Potelwa ngendlela abulewe ngayo ingakumbi iyinyanga yamanina. UPotelwa ebengengomntu onobuchule bokuyila kuphela, ebekwangumfundisi-ntsapho kunye nomakhi woluntu. Ukubulawa kwakhe yilahleko enkulu kubantu beli phondo. Sihlaba ikhwelo kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba zikhawulezise inkqubo yophando ukuze nabani na onoxanduva lwesi senzo simanyumnyezi agwetywe.” utshilo uKontsiwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA