IMETRO IYA ENKUNDLENI MALUNGA NEZOHLWAYO ZOKUVASWA KWEMOTO NGOKUNGEKHO SEMTHETHWENI KUNXWEME LWASE-MONTI.

UMasipala ombaxa waseBuffalo City uqinisa iinzame zawo zokukhawulelana nokuhlanjwa kweemoto ngokungekho mthethweni kunxweme lwaseMonti.

Le Metro isoloko iqhuba amaphulo okuphelisa lo msebenzi ungekho mthethweni. Kwiziganeko ezininzi, abahlambi beemoto babanjelwa izenzo zolwaphulo-mthetho ezahlukeneyo kwaye bathinjwa izixhobo zabo ngeli lixa abaqhubi bezithuthi behlawuliswa.

Nangona kunjalo, kutsha nje umasipala ombaxa uphawule ngenkxalabo yokuba isohlwayo se-R100 ngesithuthi ngasinye njengoko kuchaziwe kwimithetho kamasipala asibathinteli abaqhubi. Kwaneebhodi zemiqondiso ezilumkisayo ngokuhlanjwa kweemoto ziye zamoshwa.

Isithethi sesiXeko uSamkelo Ngwenya uthe umasipala ombaxa uzakuya ezinkundleni ukuze afumane izohlwayo ezinzima eziquka ukubanjwa kwemoto kunye neendlela zokuvalelwa kwabaphuli-mthetho.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA