Usezinkundleni zamatyala umrhanelwa owoyanyaniswa nokuphanga imoto yemali eGreenacres, eGqeberha

INtloko yooKhetshe ePhondweni, uNjengele Mboiki Obed Ngwenya, uzibulele iinzame zeqela elihlangeneyo ukuqinisekisa ukuba bazisa uMalaki Masitha oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala phambi kwengalo ende yomthetho. UMasitha ebevele phambi kwenkundla yomthetho omtsha eGqeberha ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe ejongene nezityholo zokuphanga imoto ethutha imali (CIT).

UMasitha ubanjwe liqela laseGqeberha eliphanda ngolwaphulo-mthetho iSerious Organised Crime Investigation team yeeHawks ngokubambisana neGqeberha Crime Intelligence (CI) kunye neTactical Response Team (TRT) ngenjikalanga yangoLwesibini umhla wamashumi amabini ananye (21) kuCanzibe.

Ngomhla wesithathu (3) kuTshazimpuzi ka-2024, kutyholwa ukuba ilori yemali yakwaFidelity yayilanda imali kudederhu lweevenkile eGreenacres eGqeberha apho oonogada bafikelwa ngabarhanelwa abahlanu abangaziwayo babakhomba ngompu, emva koko babambe isixa-mali esingachazwanga. Ngeli xesha oonogada bebezakukhwela kwilori yabo yemali. Emva koko, abarhanelwa basebenzise iNissan NP200 njengemoto yokubaleka, emva koko baqweqwedisa iimoto ezimbini iChevrolet Utility kunye neSuzuki Celeron ezathi kamva zafunyanwa zishiywe eGqeberha.

Uphando oluqhutywa bubuntlola liqela elidibeneyo likwazile ukunxulumanisa umrhanelwa nesi sehlo esixeliweyo, nto leyo ikhokelele ekubanjweni kwakhe. Uthi kuseza kubanjwa abantu abaninzi njengoko kuqhutywa uphando olunzulu.

Wavela okokuqala enkundleni yomthetho omtsha eGqeberha ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe. Lo mcimbi uhlehliselwe umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe ukuze kubekwe umhla wokufaka isicelo sebheyile ngokusesikweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA